GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 9
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
9
‘‘iBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo’’ liBhunga Leziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo elisekwe ngokwesiqendu 4, lize elithi ‘‘iBhunga’’
libe nentsingiselo ekwanye;
‘‘iziko lokulawul’ iintlekele’’ liquka ‘neZiko Lelizwelonke’, ‘neziko lokulawul’
iintlekele lephondo, ‘neziko lokulawul’ iintlekele likamasipala’ njengoko lichazwe
kwisiqendu 1 seDisaster Management Act 57 ka-2002;
‘‘iziseko zikarhulumente’’, ngokwenjongo yesiqendu 9(4) nesiqendu 18, ziziseko
ezilawulwa lisebe likarhulumente welizwe, zizezalo, okanye ezisetyenziswa lilo,
libe elo sebe longamele ukusebenza kwazo;
‘‘iNtloko yesebe likarhulumente’’—
(a) ngumntu oqeshwe kumsebenzi oxelwe kuMhlathi 2 weShedyuli 1, 2 okanye 3
yePublic Service Act 103 ka-1994, kwaye kusenokuba nguye nabani na
obambeleyo kuloo msebenzi;
(b) yimaneja kamasipala emiselwe ngokwesiqendu 54A seLocal Government:
Municipal Systems Act 32 ka-2000, kwaye kusenokuba nguye nabani na
obambeleyo kuloo msebenzi;
‘‘iziseko ezingundoqo’’ kungaba sisakhiwo, iziko, into esekiweyo, into
egxunyekiweyo, imibhobho, indawo yomntu, okanye ubuxhakaxhaka
obuyimfuneko ukuze izinto zihambe kakuhle eluntwini, amashishini karhulumente
weRiphablikhi, kwaye kusengaba zizo naziphi na izithuthi okanye izinto
zokuhanjiswa kombane okanye amanzi;
‘‘uMphathiswa’’ lilungu lekhabhinethi eliphathiswe amapolisa;
‘‘uMkomishinala Wezwelonke’’ nguMkomishinala Wezwelonke Wenkonzo
Yamapolisa YoMzantsi-Afrika, omiselwe ngokwesiqendu 207(1) soMgaqo-siseko;
elithi ‘‘ukhuseleko lwelizwe’’ linentsingiselo elinikwe yona kwisiqendu 198
soMgaqo-siseko;
‘‘icandelo likarhulumente’’ ‘licandelo likarhulumente’ ngendlela elichazwe
ngayo kwisiqendu 239 soMgaqo-siseko;
‘‘umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo’’—
(a) ngumnini weziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(b) ngumntu othe, ngenxa—
(i) yelungelo alizuze kumntu ekuthethwe ngaye kwisiqendu (a);
(ii) yelinye ilungelo elizuzwe komnye umntu nokuba kungobuqabane
baseburhulumenteni okanye obabantu nje okanye ngesivumelwano
esifana neso; okanye
(iii) ngokusebenza komthetho,
wanegunya ekusetyenzisweni kwezo ziseko ezibalulekileyo; okanye
(c) yiNtloko yesebe likarhulumente okanye intloko yecandelo likarhulumente
enegunya ekusetyenzisweni kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, kwaye
kusenokuba nguye nawuphi na umntu obambeleyo kuloo msebenzi, kwaye
amagama athi ‘‘umntu ophetheyo kwiziseko’’ aza kuba naloo ntsingiselo;
‘‘ipolisa’’ lipolisa kumaPolisa oMzantsi-Afrika ngendlela achazwe ngayo
kwisiqendu 1 seSouth African Police Service Act 68 ka-1995;
elithi ‘‘emiselweyo’’ lithetha emiselwe ngummiselo;
‘‘IPSIRA’’ yiPrivate Security Industry Regulatory Authority esekwe
ngokwesiqendu 2(1) sePrivate Security Industry Regulations Act 56 ka-2001;
‘‘amanyathelo okulawul’ imeko’’ ngawo nawaphi na amanyathelo okhuseleko
ekufuneka ukuba enziwe asebenze ngendlela exelwe kulo Mthetho;
‘‘ukuxhathisa’’
kukukwazi
kweziseko
ezibalulekileyo
ezingundoqo
ukungonakaliswa kakhulu ngumonakalo, ziziphazamiso ukuze ziqhubeke zimile
kwaye zisebenziseka;
‘‘udidi lobungozi’’ ludidi lobungozi oluxelwe kwisiqendu 19(1)(b) no-20(1)(b);
‘‘uNobhala WamaPolisa’’ nguNobhala WamaPolisa oqeshwe ngokwesiqendu
7(1) seCivilian Secretariat for the Police Service Act 2 ka-2011;
‘‘ukhuseleko’’ luquka—
(a) ukukhuseleka kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ngokwazo;
(b) ukukhuseleka kwabasebenzi abasebenza kwiziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo;
(c) amacebo okuxhobel’ into engekehli asebenza kwiziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo;
(d) namanyathelo anjongo yawo ikukukhusela iziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo;
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
5
10
15
20
25
30
35
40
45
50
55
60
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents