GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   9 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 9 ‘‘iBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo’’ liBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo elisekwe ngokwesiqendu 4, lize elithi ‘‘iBhunga’’ libe nentsingiselo ekwanye; ‘‘iziko lokulawul’ iintlekele’’ liquka ‘neZiko Lelizwelonke’, ‘neziko lokulawul’ iintlekele lephondo, ‘neziko lokulawul’ iintlekele likamasipala’ njengoko lichazwe kwisiqendu 1 seDisaster Management Act 57 ka-2002; ‘‘iziseko zikarhulumente’’, ngokwenjongo yesiqendu 9(4) nesiqendu 18, ziziseko ezilawulwa lisebe likarhulumente welizwe, zizezalo, okanye ezisetyenziswa lilo, libe elo sebe longamele ukusebenza kwazo; ‘‘iNtloko yesebe likarhulumente’’— (a) ngumntu oqeshwe kumsebenzi oxelwe kuMhlathi 2 weShedyuli 1, 2 okanye 3 yePublic Service Act 103 ka-1994, kwaye kusenokuba nguye nabani na obambeleyo kuloo msebenzi; (b) yimaneja kamasipala emiselwe ngokwesiqendu 54A seLocal Government: Municipal Systems Act 32 ka-2000, kwaye kusenokuba nguye nabani na obambeleyo kuloo msebenzi; ‘‘iziseko ezingundoqo’’ kungaba sisakhiwo, iziko, into esekiweyo, into egxunyekiweyo, imibhobho, indawo yomntu, okanye ubuxhakaxhaka obuyimfuneko ukuze izinto zihambe kakuhle eluntwini, amashishini karhulumente weRiphablikhi, kwaye kusengaba zizo naziphi na izithuthi okanye izinto zokuhanjiswa kombane okanye amanzi; ‘‘uMphathiswa’’ lilungu lekhabhinethi eliphathiswe amapolisa; ‘‘uMkomishinala Wezwelonke’’ nguMkomishinala Wezwelonke Wenkonzo Yamapolisa YoMzantsi-Afrika, omiselwe ngokwesiqendu 207(1) soMgaqo-siseko; elithi ‘‘ukhuseleko lwelizwe’’ linentsingiselo elinikwe yona kwisiqendu 198 soMgaqo-siseko; ‘‘icandelo likarhulumente’’ ‘licandelo likarhulumente’ ngendlela elichazwe ngayo kwisiqendu 239 soMgaqo-siseko; ‘‘umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo’’— (a) ngumnini weziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (b) ngumntu othe, ngenxa— (i) yelungelo alizuze kumntu ekuthethwe ngaye kwisiqendu (a); (ii) yelinye ilungelo elizuzwe komnye umntu nokuba kungobuqabane baseburhulumenteni okanye obabantu nje okanye ngesivumelwano esifana neso; okanye (iii) ngokusebenza komthetho, wanegunya ekusetyenzisweni kwezo ziseko ezibalulekileyo; okanye (c) yiNtloko yesebe likarhulumente okanye intloko yecandelo likarhulumente enegunya ekusetyenzisweni kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, kwaye kusenokuba nguye nawuphi na umntu obambeleyo kuloo msebenzi, kwaye amagama athi ‘‘umntu ophetheyo kwiziseko’’ aza kuba naloo ntsingiselo; ‘‘ipolisa’’ lipolisa kumaPolisa oMzantsi-Afrika ngendlela achazwe ngayo kwisiqendu 1 seSouth African Police Service Act 68 ka-1995; elithi ‘‘emiselweyo’’ lithetha emiselwe ngummiselo; ‘‘IPSIRA’’ yiPrivate Security Industry Regulatory Authority esekwe ngokwesiqendu 2(1) sePrivate Security Industry Regulations Act 56 ka-2001; ‘‘amanyathelo okulawul’ imeko’’ ngawo nawaphi na amanyathelo okhuseleko ekufuneka ukuba enziwe asebenze ngendlela exelwe kulo Mthetho; ‘‘ukuxhathisa’’ kukukwazi kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ukungonakaliswa kakhulu ngumonakalo, ziziphazamiso ukuze ziqhubeke zimile kwaye zisebenziseka; ‘‘udidi lobungozi’’ ludidi lobungozi oluxelwe kwisiqendu 19(1)(b) no-20(1)(b); ‘‘uNobhala WamaPolisa’’ nguNobhala WamaPolisa oqeshwe ngokwesiqendu 7(1) seCivilian Secretariat for the Police Service Act 2 ka-2011; ‘‘ukhuseleko’’ luquka— (a) ukukhuseleka kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ngokwazo; (b) ukukhuseleka kwabasebenzi abasebenza kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (c) amacebo okuxhobel’ into engekehli asebenza kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (d) namanyathelo anjongo yawo ikukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 5 10 15 20 25 30 35 40 45 50 55 60

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents