GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 17
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
17
(17) Amalungu eBhunga amiselwe ngokwesiqendwana (8) anokuhlawulwa umvuzo
neemalana ezisecaleni ezigqitywe nguMphathiswa, ngokuvumelana noMphathiswa
Wezimali ekubonise ngokubhala ukuvumelana kwakhe.
(18) Usekela-sihlalo ekuthethwe ngaye kwisiqendwana (11) makabambele usihlalo
xa usihlalo engekho okanye engakwazi ukwenza imisebenzi yakhe, kwaye xa
embambele makenze nawuphi na umsebenzi kasihlalo.
5
Okwenza umntu angakufanelekeli ukumiselwa njengelungu leBhunga Leziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo
5. Umntu akakufanelekeli ukumiselwa njengelungu okanye ukuqhubeka ekhonza
njengelungu leBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okuxelwe kwisiqendu 10
4(2)(b) no-(c) ukuba—
(a) akanguye ummi waseMzantsi-Afrika;
(b) akanaso isiqinisekiso esimkhululayo ukuba aphathiswe iimfihlo ezinkulu,
isiqinisekiso asinikwe liQumrhu Lokhuseleko LoMbuso;
15
(c) ungumntu ovakaliswe yinkundla enamatyala angaphezu kwemali anayo;
(d) ukhe, kule minyaka ingama-20 edlulileyo, wagwetywa apha kwiRiphablikhi
okanye kwelinye ilizwe, wagwetywa intolongo akakhethiswa fayini;
(e) unento ayincwasileyo ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga eyimali
okanye enye into kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
20
(f) uxhenxisiwe kwisikhundla sokuthenjwa; okanye
(g) akafaneleki ukuba amiselwe ngenxa yawo nawuphi na umthetho ongomnye.
Ukuxhaswa kwalo ngemali nokuhlawulwa kwemivuzo
6. Iindleko ekungenwa kuzo ngenxa yokusetyenziswa kwamagunya nokwenziwa
kwemisebenzi liBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, kuquka nokuhlawulwa
kwemivuzo neendleko okuxelwe kwisiqendu 4(17), mazihlawulwe kuthatyathwa 25
kwisabelo semali seCivilian Secretariat for the Police Service eyasekwa ngokwesiqendu
4(1) seCivilian Secretariat for Police Service Act 2 ka-2011, ngokwendlela esivotelwe
ngayo ngokweDivision of Revenue Act yaminyaka le.
Imisebenzi yeBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
7. (1) Imisebenzi yeBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo—
(a) ngokulawulwa sisiqendwana (2), kukuqwalasela nasiphi na isicelo
sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
ekuthethwe ngaso kwiSahluko 3 lize lenze izindululo eziya kuMphathiswa
ngeso sicelo;
(b) ngokulawulwa sisiqendwana (3), kukuzigunyaza njengezamkelekayo
izikhokelo ezimalunga—
(i) nokuphononongwa kwesicelo esixelwe kwisiqendu 17;
(ii) nokuyenza isebenze inkqubo emiselweyo yokuhlela iziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo zibe kudidi lobungozi obuphantsi,
lobungozi obuphakathi, okanye lobungozi obuphezulu ekuthethwe
ngabo kwisiqendu 19(1)(b) no-20(1)(b);
(iii) nemigaqo-nkqubo, iindlela zokwenza nemilinganiselo ngawo nawuphi
na umbandela oyimfuneko ukuze zifezeke iinjongo zalo Mthetho; kunye
(iv) nokwenza nayiphi na eminye imifanekiso enokuthi yabelwe iBhunga
nguMphathiswa.
(2) Xa lisenza isindululo esiya kuMphathiswa ngesicelo ekuthethwe ngaso
kwisiqendwana (1)(a), iBhunga maliqwalasele oku kulandelayo ngaphambi kokuba
lenze eso sindululo—
(a) iimfuneko ekuthethwe ngazo kwisiqendu 16(1);
(b) naziphi na iimfuneko ezixelwe kwisiqendu 16(2);
(c) nayiphi na ingxelo okanye amazwi ekufuneka ahambisane neso sicelo;
(d) ukudweliswa okufanelekileyo kweziseko ngokodidi lwazo lobungozi
ngokwenkqubo emiselweyo yokudweliswa ngokodidi ekuthethwe ngayo
kwisiqendu 19(1)(b) no-20(1)(b); kwakunye
(e) nayiyiphi na imiqathango yokubhengezwa njengoko kwisiqendu 21(1)(c).
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
30
35
40
45
50
55
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents