GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   17 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 17 (17) Amalungu eBhunga amiselwe ngokwesiqendwana (8) anokuhlawulwa umvuzo neemalana ezisecaleni ezigqitywe nguMphathiswa, ngokuvumelana noMphathiswa Wezimali ekubonise ngokubhala ukuvumelana kwakhe. (18) Usekela-sihlalo ekuthethwe ngaye kwisiqendwana (11) makabambele usihlalo xa usihlalo engekho okanye engakwazi ukwenza imisebenzi yakhe, kwaye xa embambele makenze nawuphi na umsebenzi kasihlalo. 5 Okwenza umntu angakufanelekeli ukumiselwa njengelungu leBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 5. Umntu akakufanelekeli ukumiselwa njengelungu okanye ukuqhubeka ekhonza njengelungu leBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okuxelwe kwisiqendu 10 4(2)(b) no-(c) ukuba— (a) akanguye ummi waseMzantsi-Afrika; (b) akanaso isiqinisekiso esimkhululayo ukuba aphathiswe iimfihlo ezinkulu, isiqinisekiso asinikwe liQumrhu Lokhuseleko LoMbuso; 15 (c) ungumntu ovakaliswe yinkundla enamatyala angaphezu kwemali anayo; (d) ukhe, kule minyaka ingama-20 edlulileyo, wagwetywa apha kwiRiphablikhi okanye kwelinye ilizwe, wagwetywa intolongo akakhethiswa fayini; (e) unento ayincwasileyo ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga eyimali okanye enye into kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; 20 (f) uxhenxisiwe kwisikhundla sokuthenjwa; okanye (g) akafaneleki ukuba amiselwe ngenxa yawo nawuphi na umthetho ongomnye. Ukuxhaswa kwalo ngemali nokuhlawulwa kwemivuzo 6. Iindleko ekungenwa kuzo ngenxa yokusetyenziswa kwamagunya nokwenziwa kwemisebenzi liBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, kuquka nokuhlawulwa kwemivuzo neendleko okuxelwe kwisiqendu 4(17), mazihlawulwe kuthatyathwa 25 kwisabelo semali seCivilian Secretariat for the Police Service eyasekwa ngokwesiqendu 4(1) seCivilian Secretariat for Police Service Act 2 ka-2011, ngokwendlela esivotelwe ngayo ngokweDivision of Revenue Act yaminyaka le. Imisebenzi yeBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 7. (1) Imisebenzi yeBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo— (a) ngokulawulwa sisiqendwana (2), kukuqwalasela nasiphi na isicelo sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ekuthethwe ngaso kwiSahluko 3 lize lenze izindululo eziya kuMphathiswa ngeso sicelo; (b) ngokulawulwa sisiqendwana (3), kukuzigunyaza njengezamkelekayo izikhokelo ezimalunga— (i) nokuphononongwa kwesicelo esixelwe kwisiqendu 17; (ii) nokuyenza isebenze inkqubo emiselweyo yokuhlela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zibe kudidi lobungozi obuphantsi, lobungozi obuphakathi, okanye lobungozi obuphezulu ekuthethwe ngabo kwisiqendu 19(1)(b) no-20(1)(b); (iii) nemigaqo-nkqubo, iindlela zokwenza nemilinganiselo ngawo nawuphi na umbandela oyimfuneko ukuze zifezeke iinjongo zalo Mthetho; kunye (iv) nokwenza nayiphi na eminye imifanekiso enokuthi yabelwe iBhunga nguMphathiswa. (2) Xa lisenza isindululo esiya kuMphathiswa ngesicelo ekuthethwe ngaso kwisiqendwana (1)(a), iBhunga maliqwalasele oku kulandelayo ngaphambi kokuba lenze eso sindululo— (a) iimfuneko ekuthethwe ngazo kwisiqendu 16(1); (b) naziphi na iimfuneko ezixelwe kwisiqendu 16(2); (c) nayiphi na ingxelo okanye amazwi ekufuneka ahambisane neso sicelo; (d) ukudweliswa okufanelekileyo kweziseko ngokodidi lwazo lobungozi ngokwenkqubo emiselweyo yokudweliswa ngokodidi ekuthethwe ngayo kwisiqendu 19(1)(b) no-20(1)(b); kwakunye (e) nayiyiphi na imiqathango yokubhengezwa njengoko kwisiqendu 21(1)(c). This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 30 35 40 45 50 55

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents