GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
(English text signed by the President)
(Assented to 20 November 2019)
UMTHETHO
Injongo kukuba kwaziwe iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kwaye zibhengezwe
njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; kukwenza ukuba kubekho izikhokelo
nezinto emakucingwe ngazo ukuze zaziwe iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zize
zibhengezwe njengezibalulekileyo; kukwenzela ukuba kubekho amanyathelo
okukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; kukwenzela ukuba kusekwe
iBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, kuxelwe nemisebenzi yalo;
kuxelwe nokuba uza kusetyenziswa njani lo Mthetho phantsi kwegunya
loMkomishinala Wezwelonke, kuxelwe nemisebenzi yoMkomishinala Wezwelonke
malunga nalo Mthetho; kukwenzela ukuba kubekho iikomiti, kuxelwe
nemisebenzi yazo; kukuba kuchongwe abahloli, kuxelwe nemisebenzi yabo;
kukuxela amagunya nemisebenzi yabantu abanegunya phezu kweziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo; kukwenzela ukuba kube sisinyanzelo ukunik’
ingxelo; kukuxela okuza kwenzeka okwethutyana; kukuba itshitshiswe iNational
Key Points Act ka-1980 kwakunye nemithetho ehlobebe nayo; nokulungiselela
ezinye izinto ezihlobene nolu daba.
INTSHAYELELO
NJENGOKO uMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika, ka-1996, usithi onke
amanqwanqwa karhulumente nawo onke amacandelo karhulumente mawasebenzele
intlalo-ntle yabantu beRiphablikhi;
NANJENGOKO uMgaqo-siseko weRiphablikhi uvumela ilungelo lokufumana
ingcombolo umntu ayifunayo, kubekho nje imida exelwe kwisiqendu 36 soMgaqosiseko;
NANJENGOKO ukukhuselwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kuyimfuneko
ukuze lukhuseleke uluntu, kukhuseleke ilizwe, kuqhubeke nokwenziwa kweenkonzo
zokunceda uluntu;
NANJENGOKO kuyimfuneko ukuthabatha amanyathelo afanelekileyo okuzazi
iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zize zikhuselwe, aze asetyenziswe loo manyathelo
ukuze zikhuseleke iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
NGOKUQONDA imfuneko yokulandela imiqathango ebhadlileyo yokukhusela
iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
NANGOKUQONDA imfuneko yokuba abantu ngabanye babe nendima abayifezayo
nemisebenzi abayenzayo ekukhuselweni kweziseko ezifanelekileyo;
NANGOKUQONDA imfuneko yentsebenziswano phakathi kukaRhulumente
namashishini azimeleyo ngokukhuselwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ukuze
kuncedakale iRiphablikhi,
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
No. 42866 3
Ino 8 ka 2019