GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   39 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 39 (d) ukuba ingcombolo emalunga namanyathelo okhuseleko iza kusikelwa umda kusini na. (2) UMphathiswa makakhuphe isiqinisekiso ngendawo nganye ekukho kuyo iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. (3) Isiqinisekiso masikhutshwe ngomntu ophetheyo kwezo ziseko ezibalulekileyo 5 ezingundoqo. (4) Ukubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo akumkhululi umntu ophetheyo apho kuzo ekwenzeni okufunwa nguwo nawuphi na omnye umthetho osebenza kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. (5) UMkomishinala Wezwelonke makabhale kwirejista emiselweyo iinkcukacha 10 zokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye iinkcukacha zokurhoxiswa kwesibhengezo, rejista leyo emayifikelelwe luluntu ngendlela emiselweyo. (6) Ngokukhuph’ isihlokomiso kuShicilelo-Mithetho, uMphathiswa makapapashe iinkcukacha ezinokuthi zifuneke ezimalunga neziseko ezibhengezwe njengeziseko 15 ezibalulekileyo ezingundoqo nezaxa eso sibhengezo sirhoxisiwe. Ukwenziwa kotshintsho kwingcombolo okanye kwimiqathango nguMphathiswa 22. (1) Ukuba kukho utshintsho kwiimeko zeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, uMphathiswa unokuthi, ngesiphakamiso esivela kwiBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye esakufumana isicelo esibhaliweyo esivela kumntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye esivela kuMkomishinala Wezwelonke, unokuthi— (a) enze utshintsho kudidi lobungozi olugqitywe ngokwesiqendu 20(1)(b); okanye (b) enze utshintsho kwingcombolo okanye kwimiqathango ekwisiqinisekiso sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okuthethwe ngako kwisiqendu 21. (2) Ngaphambi kokuba abe nento ayenzayo ngecebiso okanye ngesicelo esixelwe kwisiqendwana (1) sokwenza utshintsho kudidi lobungozi, okanye utshintsho kwingcombolo okanye kwimiqathango, uMphathiswa makanike umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo— (a) isaziso esibhaliweyo esithi uceba ukwenza utshintsho kudidi lobungozi, okanye kwingcombolo okanye kwimiqathango ekwisiqinisekiso sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; aze (b) zingaphelanga iintsuku ezingama-30 abhalele uMphathiswa esitsho oko afuna ukukutsho mayela nokuba kungani uMphathiswa engamele enze utshintsho kudidi lobungozi, kwingcombolo okanye kwimiqathango ekwisiqinisekiso sokubhengezwa. (3) UMphathiswa makakuqwalasele okubhaliweyo okutshiwoyo okuthethwe ngako kwisiqendwana (2)(b) aze azise umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, emazisa— (a) ngesigqibo esithatyathiweyo ngokwesi siqendu; (b) ngezizathu zesigqibo; (c) nangomhla esiqala ngawo ukusebenza isigqibo. Ukurhoxiswa kwesibhengezo 20 25 30 35 40 45 23. (1) Isibhengezo sokuba iziseko ziziziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ngokwesi Sahluko siyaphela— (a) xa umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo eyeka ukwenza izinto ezazingunobangela wokuba uMphathiswa azibhengeze iziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; okanye 50 (b) sisakurhoxiswa isibhengezo ngokwesiqendwana (4). (2) Umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo makazise uMkomishinala Wezwelonke ngokubhala zingekapheli iintsuku ezingama-30 ukuba— (a) kukho utshintsho kwingcombolo eyayingenisiwe iyeyesicelo sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; 55 (b) kukho utshintsho kulawulo okanye kubumnini beziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; okanye This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents