GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 31
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
31
Ukwenziwa kwesicelo sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo nanjengodederhu lweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, ngumntu
ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
17. (1) Umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo unokuthi,
ngendlela emiselweyo, afake isicelo kuMkomishinala Wezwelonke sokuba iziseko
zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ngokwesi Sahluko.
(2) Isicelo sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
masibe nale ngcombolo ilandelayo—
(a) icandelo eyenzeka kulo imisebenzi ephambili yezo ziseko;
(b) izinto eziluncedo ezifumanekayo kumntu ophetheyo kwiziseko—
(i) zokukhusela ezo ziseko ekutshatyalalisweni, ekuphazanyisweni,
ekoyisakaleni okanye ekuthotyweni komgangatho wazo;
(ii) zokungciba ezo ziseko okanye zokufuna ezinye, kuquka izixhobo zazo,
impahla yazo okanye inkonzo yazo; okanye
(iii) zokuqinisekisa ukuba iziseko ezo zibuyela kwimeko entle kwakhona
emva kokuba bezitshatyalalisiwe, okanye zaphazanyiswa, zoyisakala
okanye zathotywa umgangatho;
(c) iziphumo ezinokuthi zibekho xa iziseko zitshatyalalisiwe, zaphazanyiswa,
zoyisakala okanye zathotywa umgangatho, kuziziphumo—
(i) kokusingqongileyo;
(ii) kwimpilo okanye ukukhuseleka koluntu okanye elinye icandelo loluntu;
(iii) ekukwazini kweRiphablikhi ukusebenza, ukunikezela ngeenkonzo
ezisisiseko okanye ekulondolozweni kokusebenza komthetho
nocwangco; nakuzo
(iv) naziphi na ezinye iziseko ezinokuthi zichaphazele kakubi imisebenzi
nokusebenza kwezo ziseko kuthethwa ngazo;
(d) ubungakanani babantu abanokuba sengozini nendawo abakuyo;
(e) iziganeko—
(i) eziyingozi kwiziseko;
(ii) nokutshatyalaliswa,ukoyisakala okanye ukuthotywa komgangatho wezo
ziseko;
(f) ubungakanani bobungozi ezinokujongana nabo ezo ziseko;
(g) iimpawu ezikhethekileyo zezo ziseko zokuhlangabezana nobungozi
obuxelwe kwisiqendu (f);
(h) ukuthi ukubhengezwa kwazo njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kuya
kulunceda kangakanani uluntu;
(i) nayiphi na enye ingcombolo enokuthi iman’ ukugqitywa nguMphathiswa
ngesihlokomiso kuShicilelo-Mithetho, emva kokubonisana neBhunga
Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo.
(3) Xa isebe likarhulumente okanye icandelo likarhulumente liphethe kwicandelo
ewela kulo imisebenzi yeziseko, isicelo masiqulathe noku kulandelayo—
(a) amazwi avela kwintloko yesebe likarhulumente okanye avela kwintloko
yecandelo likarhulumente elilawula icandelo ekwenzeka kulo imisebenzi
yeziseko, apho lixhasa isicelo; kwakunye
(b) iinkcukacha—
(i) zomnye umntu ongenguye umenzi-sicelo onelungelo okanye onomdla
kwezo ziseko;
(ii) zesivumelwano nomntu oxelwe kwisiqendwana (i) malunga nesicelo
sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(iii) zomntu ongenguye umenzi-sicelo oza kuthwala iindleko zokufumana
ezo ziseko;
(iv) zesivumelwano nomntu oxelwe kwisiqendwana (iii) malunga neendleko
zokufumana ezo ziseko; kwakunye
(c) nayiphi na enye ingcombolo efanelekileyo eyimfuneko ngokokubona
komenzi-sicelo ukuze siqwalaselwe ngokufanelekileyo isicelo.
(4) Ngokulawulwa sisiqendwana (5), uMkomishinala Wezwelonke makathi—
(a) esakufumana isicelo, apapashe isihlokomiso seso sicelo kuShcileloMithetho—
(i) exela igama lomenzi-sicelo nedilesi esenzelwa yona isicelo;
(ii) emema abantu abanomdla ukuba bathumele izimvo ezibhaliweyo
malunga nesicelo;
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
5
10
15
20
25
30
35
40
45
50
55
60
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents