GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 25
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
25
(b) ukoyisakala okanye ukwala okuxelwe kwisiqendu (a) kubek’ esichengeni
iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kangangokuba azinakukhuseleka xa
kunokuthi kubekho isenzo esinobungozi; nethi
(c) xa kunokuthi kubekho isenzo esinobungozi, ukungazikhuseli iziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo kungabangela ukuphazamiseka—
(i) kokusebenza okanye kokuzinza koqoqosho lweRiphablikhi;
(ii) kokusebenza komthetho nocwangco;
(iii) kokunikwa kweenkonzo ezisisiseko; okanye
(iv) ukhuseleko lwelizwe.
(6) Nangona uMphathiswa enegunya lokuthabatha amanyathelo okanye lokwenza
ukuba kuthatyathwe amanyathelo ngokukhuseleka kweziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo njengoko kuxelwe kwisiqendwana (5), unokuthi xa iimeko
ezingxamisekileyo zifunisa ukuba makubekwe ecaleni okufunwa sisiqendwana (3),
okanye (4), enze isicelo enkundleni efuna—
(a) umyalelo onyanzela umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo—
(i) ukuba akwenze okufunwa ngulo Mthetho okanye ayeke ukwaphula
okutshiwo ngulo Mthetho;
(ii) ukuba akwenze okufunwa sisaziso esikhutshwe ngokwesiqenwana (3)
okanye athabathe amanye amanyathelo ayimfuneko ukukhusela iziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo; okanye
(iii) ukuba ayiyeke indlela yokukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
enokubangela ukunyhashwa kwamanyathelo okukhuselwa kwezo ziseko
zibalulekileyo; okanye
(b) nawuphi na omnye umyalelo inkundla ewubona ufanelekile.
(7) Isaziso bekuthethwe ngaso kwisiqendwana (3) nese-(4) masinikwe umntu
ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye umntu ochongwe ngumntu
ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye, ukuba akekho, sinikwe
umqeshwa okwelona nqanaba liphezulu kwezo ziseko zibalulekileyo esinokunikwa
yena isaziso.
(8) UMphathiswa unokuthi, ngokukhuph’ isihlokomiso kuShicilelo-Mithetho,
ekwabonisana nentloko yeziko likarhulumente okanye yequmrhu elisekwe
ngokomthetho wepalamente, ekwenza oko nangayiphi na indlela okanye ekwenza
elawulwa yimiqathango exeliweyo kwisihlokomiso, unokuthi anikezele ngamagunya
akwesi siqendu ewanikezela nakowuphi na umntu okwaziyo ukuwenza umsebenzi
oqeshwe liziko likarhulumente elixelwe kwisiqendu 1 sePublic Finance Management
Act 1 ka-1999, okanye oqeshwe liqumrhu elisekwe ngokomthetho wepalamente, ukuba
loo mntu uligosa lokumilisel’ uxolo elixelwe kwisiqendu 1(1) seCriminal Procedure Act
51 ka-1977.
(9) Isihlokomiso ekuthethwe ngaso kwisiqendwana (8) masixele ukuba—
(a) angakanani amagunya anikezelwa kuloo mntu , phantsi kwayiphi
imiqathango; nokuthi
(b) imiyalelo exelwe kwisiqendwana (2)(b)(ii) isebenza kangakanani kuloo mntu
ekusebenziseni kwakhe loo magunya.
(10) Ngaphambi kokuba asebenzise amagunya angokwesi Sahluko, umhloli
makazichaze kumntu ophetheyo okanye kumphathi wokhuseleko weziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo kwaye makavelise isiqinisekiso esikhutshwe
nguMkomishinala Wezwelonke ekuthethwe ngaso kwisiqendu 10(2).
5
10
15
20
25
30
35
40
45
ICandelo C
Iikomiti, ukungasebenzi kwemiqathango kubantu abathile,
nokuwaphathisa amagunya
50
Iikomiti zethutyana nezisisigxina
12. (1) UMkomishinala Wezwelonke unokuthi aseke ikomiti yethutyana okanye
esisigxina yokumncedisa, ekwenza oko xa ekubona kuyimfuneko ukufumana icebiso
okanye uncedo ukuze enze nawuphi na umsebenzi oxelwe kwisiqendu 9(2) nese-(3). 55
(2) Ikomiti esekwe ngokwesiqendwana (1) inokuthi isungule amaqela okusebenza
ethutyana okuyincedisa ekwenzeni imisebenzi yayo.
(3) Nayiphi na ikomiti okanye iqela lokusebenza elisungulwe ngokwesiqendwana (1)
nese-(2) linokuthi kulo libe nabantu abangengawo amapolisa.
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents