GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   15 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 15 (b) amalungu ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (2)(c) ngokwesiqendwana (8); kwakunye (c) nabantu ekuthethwe ngabo kwisiqendwana (4)(b) ngokucetyiswa liBhunga. (6) Xa kuthi kube yimfuneko ukumisela ekuthethwe ngalo kwisiqendwana (2)(c), uMphathiswa makacele iNdlu yoWiso-Mthetho ithumele uludwe lwabantu abanokuthi bamiselwe. (7) USomlomo makaludlulisele udaba kwikomiti efanelekileyo yeNdlu yoWisoMthetho ukuze— (a) ipapashe isihlokomiso kuShicilelo-Mithetho nakumaphephandaba amabini ubuncinane afumaneka elizweni lonke, icele ukuba abantu abanomdla noluntu ngokubanzi bafake izicelo zokutyumba abantu; (b) iqulunqe uluhlu lwabantu abangengaphantsi kwama-20 abangekho kwimeko yokungafaneleki ngokwesiqendu 5(a), (c), (d), (e), (f) okanye (g), iluqulunqa ithabatha kwizicelo nabantu abatyunjiweyo ekuthethwe ngabo kwisiqendu (a) okanye kubantu abakwiBhunga abafanelekayo ukuba bamiselwe kwakhona ngokwesiqendwana (10); (c) ithumele uluhlu ekuthethwe ngalo kwisiqendu (b) kwiQumrhu Lokhuseleko LoMbuso ukuze luqwalaselwe kuze kukhutshwe isiqinisekiso sokhuseleko senqwanqwa lemfihlo ephezulu; (d) libe nodliwanondlebe nabantu ekuthethwe ngabo kwisiqendu (b) abangekho kwimeko yokungafaneleki ngokwesiqendu 5(b) ngenjongo yokuqulunqa uluhlu lwabantu abali-10 abaphakanyisiweyo ngokolandelelwano abafunwa ngalo; (e) iluthumele uluhlu lwamagama ekuthethwe ngalo kwisiqendu (d) kwiNdlu yoWiso-Mthetho ukuze luvunywe yiyo; kwaye (f) ithumele oluvunyiweyo lwamagama oluxelwe kwisiqendu (e) kunye neeCV zabo kuMphathiswa. (8) UMphathiswa makamisele amalungu amahlanu abe kwiBhunga ethabatha kuluhlu ekuthethwe ngalo kwisiqendwana (7)(f) aze apapashe amagama aloo malungu kuShicilelo-Mithetho. (9) Ngokulawulwa sisiqendwana (12), ilungu leBhunga elimiselwe ngokwesiqendwana (8) liba lilungu ixesha elingagqithiyo kwiminyaka emihlanu. (10) Lisakuphela ixesha lokuba lilungu njengoko kuxelwe kwisiqendwana (9), ilungu lingamiselwa kwakhona esinye isihlandlo sibe sinye kuphela. (11) UNobhala weNkonzo YamaPolisa unguSihlalo weBhunga; uMphathiswa ke yena makachonge ilungu libe ngusekela-sihlalo, elichonga ethabatha kubantu abaxelwe kwisiqendwana (2)(c). (12) Ilungu leBhunga elimiselwe ngokwesiqendwana (8) maliyeke ukuba lilungu ukuba— (a) lithi liziyekele ngokwazisa uMphathiswa ngencwadi kusasele iintsuku ezingama-30 ngaphambi kokuyeka; okanye (b) liyashenxiswa nguMphathiswa njengoko kuxelwe kwisiqendwana (14). (13) Ukuba ilungu leBhunga elimiselwe ngokwesiqendwana (8) liyaziyekela lingekapheli ixesha lalo, uMphathiswa makacele iNdlu yoWiso-Mthetho ilandele inkqubo ekwisiqendwana (7), kodwa ke uMphathiswa unokuthi amisele ilungu elitsha ethabatha kuluhlu oluxelwe kwisiqendwana (7)(d) xa abantu abakolo luhlu besafumaneka ukuba bamiselwe. (14) UMphathiswa unokuthi, emva kokuba kulandelwe inkqubo efanelekileyo yiNdlu yoWiso-Mthetho, alishenxise ilungu leBhunga elimiselwe ngokwesiqendwana (8) ngenxa— (a) yokungabikho kwalo kwiintlanganiso zide zibe ntathu zilandelana kungekho sizathu sivakalayo; (b) yokuziphatha kakubi, okanye ngenxa yemeko elenza lingakwazi ukusebenza okanye ngenxa yobuqhitala; (c) yokungafaneleki ngendlela exelwe kwisiqendu 5; okanye ngenxa (d) yesinye isizathu esivakalayo. (15) UMphathiswa unokulinqumamisa ilungu xa kukho izizathu ezivakalayo zokwenza njalo de ibe iqukunjelwe inkqubo exelwe kwisiqendwana (14). (16) UMphathiswa usengacela ilungu leKhabhinethi eliphathiswe iziko elimelwe kwiBhunga, njengoko kuxelwe kwisiqendwana (2)(b), ukuba lityumbe omnye ummeli oza kumiselwa ukuze athabath’ indawo yommeli weziko kwiBhunga. This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 5 10 15 20 25 30 35 40 45 50 55 60

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents