GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   13 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 13 Ukusebenza kwalo Mthetho 3. (1) Lo Mthetho usebenza— (a) ekuqondeni ukuba zeziphi iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zize zibhengezwe njengezibalulekileyo; (b) ekuqondweni kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo njengodederhu lweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (c) nasekukhuselweni kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, kwaye unkqamangela nawuphi na umntu onikwe umsebenzi ngokwalo Mthetho. (2) Lo Mthetho awusebenzi kwiziseko ezilawulwa liSebe Lokhuselo. ISAHLUKO 2 5 10 IBHUNGA LEZISEKO EZIBALULEKILEYO EZINGUNDOQO NEZAKHIWO ICandelo A IBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo Ukusekwa kweBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo nendlela elakhiwe ngayo 15 4. (1) Kusekwa iBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. (2) UMphathiswa umisela amalungu eBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo emalibe naba bantu balandelayo: (a) uNobhala weNkonzo YamaPolisa; (b) igosa ubuncinane elikwinqwanqwa loMlawuli oyiNtloko okanye okwinqwanqwa elilingana nelo, elichongwe yintloko nganye yala maziko alandelayo: (i) iSebe Lokhuselo; (ii) iSebe Lemicimbi Yasekhaya; (iii) iSebe Lemisebenzi Karhulumente; (iv) iZiko Lokulawulwa Kwentlekelele Lezwelonke; (v) iSouth African Local Government Association; (vi) iNkonzo YamaPolisa oMzantsi-Afrika; (vii) neQumrhu Lokhuseleko LoMbuso; kwakunye (c) namalungu amahlanu amiselwe ngokwesiqendwana (8) ethathwa kumashishini azimeleyo naseluntwini— (i) angekho kwimeko yokungafaneleki ngokwesiqendu 5; kwaye (ii) ukuba kunokwenzeka abe nemfundo efanelekileyo, abe nolwazi namava kwimiba equka ukukhuselwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, ukulawulwa kwemeko enobungozi, ukulawulwa kwentlekele okanye iinkonzo ezisisiseko zoluntu emaziquke ubuncinane umntu omnye onemfundo efanelekileyo kukhuseleko lweekhompyutha. (3) Ukuba kunokwenzeka, amalungu eBhunga makube ngabantu abathi, xa bejongwa bebonke, babe ngabantu abakufanelekelayo ukukhonza kwiBhunga ngenxa yemfundo yabo, ubuchule babo namava abo kwimiba equka ukukhuselwa kweziseko, ubunjineli, ukulawulwa kwentleke okanye umgaqo-nkqubo wokhuseleko. (4) Xa— (a) imisebenzi okanye ukusebenza kweziseko ekucelwa ukuba zibe ziziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kuchatshazelwa yimisebenzi yesebe likarhulumente okanye yecandelo likarhulumente ekungabhekiselwanga kulo kwisiqendwana (2)(b), uSihlalo unokuthi acele iNtloko yelo sebe likaRhulumente okanye intloko yelo candelo likarhulumente ukuba ichonge igosa elinemfundo efanelekileyo ukuba lincedise kwesi sicelo; okanye (b) iBhunga linoluvo lokuba omnye umntu unokuncedisa nakwintoni na okanye ancedise kwisicelo esithile sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, iBhunga lingacela uMphathiswa ukuba amisele loo mntu okwelo xesha kusekho imfuneko ukuba acebise iBhunga okanye alincedise. (5) UMphathiswa makamisele— (a) amagosa ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (2)(b) emva kokubonisana nelungu leKhabhinethi eliphathiswe iziko elo; This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 20 25 30 35 40 45 50 55

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents