GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   11 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 11 ‘‘imaneja yokhuseleko’’ ngumntu oqeshwe ngokwesiqendu 24(7); ‘‘amanyathelo okhuseleko’’, ngokulawulwa sisiqendu 26(2), lilo naliphi na inyathelo lokhuseleko lokulondoloza ukufumaneka kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye lokulondoloza ukuba yimfihlo kweziseko ezibalulekileyo 5 ezingundoqo, kwaye aquka amanyathelo okhuseleko okukhusela— (a) inxalenye yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (b) nasiphi na isakhiwo esibonakalayo esiyinxalenye yeziseko zengcombolo; okanye (c) abasebenzi okanye abanye abantu abakwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 10 okanye abakufuphi nazo; ‘‘abasebenzi bokhuseleko’’ nguye nawuphi na umntu obhaliswe njengegosa lokhuseleko ngokwesiqendu 21 sePrivate Security Industry Regulation Act 56 ka-2001; ‘‘umniki-nkonzo yokhuseleko’’ ngumniki-nkonzo yokhuseleko ngendlela achazwe ngayo kwisiqendu 1 sePrivate Security Industry Regulation Act 56 15 ka-2001; elithi ‘‘lo Mthetho’’ liquka imimiselo; kwaye ‘‘isenzo esinobungozi’’ kungaba sisenzo esilulwaphulo-mthetho, sobugrogrisi, okanye esenzeke ngengozi, okanye ukungenziwa kwesenzo ebesimele senziwe ukuthintela ulwaphulo-mthetho, ubugrogrisi okanye ukwenzeka kwento ngengozi, 20 okunokuthi kubangele umonakalo okanye ukulahlekelwa ziziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye kubangele ukungakwazi ukunika iinkonzo ezisisiseko zoluntu, kwaye lisengaquka intlekele yendalo enokubangela ukuba sisisulu kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. Injongo yalo Mthetho 2. Injongo yalo Mthetho— (a) kukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kwizenzo ezinobungozi; (b) kukwenza unakonako wokuba ingcombolo emalunga namanyathelo okhuseleko asebenza kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ihlale iyimfihlo, kodwa ke ngokulawulwa yiPromotion of Access to Information Act 2 ka-2000 okanye nawuphi na omnye uMthetho wePalamente othetha ngokudandalaziswa okusemthethweni kwengcombolo; (c) kukwenza unakonako wokuba kuthiwe gqi neemfuneko ezifanelekileyo zokwazi ukuba zeziphi iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zize zibhengezwe njengezibalulekileyo kwaye zikhuselwe; (d) kukwenza unakonako wokuba kubekho intsebenziswano phakathi kukarhulumente namashishini azimeleyo ekwazini ukuba zeziphi iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zize zikhuselwe; (e) kukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kwiRiphablikhi ngokudala imekobume ekukhuthazwa kuyo ukhuseleko loluntu, intembelo yoluntu neenkonzo zoluntu ezisisiseko— (i) ngokuwenza asebenze amanyathelo anjongo yawo ikukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (ii) ngokunciphisa ubungozi obunokwehlela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ngokubona apho ubuthathaka bukhoyo nangokusebenzisa amanyathelo afanelekileyo; (f) kukukhuthaza intsebenziswano nokuthwalisana imbopheleleko phakathi kwabathabathi-nxaxheba abahlukahlukeneyo ukuze kubekho iindlela ngeendlela zokukhuselwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (g) kukuphucula ukukwazi kwabathabathi-nxaxheba ukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kwizinto ezinokuba nobungozi; (h) kukwenza unakonako wokuba isiseko ngasinye esibalulekileyo sihambisane namanyathelo anjongo yawo ikukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kwizenzo ezinobungozi; (i) kukuxela amagunya nemisebenzi yabantu abaphetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (j) kukuxhasa ukuyondelelaniswa nokunxibelelaniswa kwemisebenzi yabathabathi-nxaxheba abahlukahlukeneyo ababandakanyekileyo ekukhuselweni kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 25 30 35 40 45 50 55

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents