GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   37 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 37 (b) linike umntu ophetheyo kwezo ziseko ithuba elingekho ngaphantsi kweentsuku ezingama-30 lokuba atsho afuna ukukutsho. (4) IBhunga malikuqwalasele okuye kwatshiwo ngokwesiqendwana (3) ngaphambi kokuba lenze isindululo esiya kuMphathiswa malunga nokuba mazibhengezwe njengezibalulekileyo kusini na iziseko okanye mazingabhengezwa. 5 (5) Ngokulawulwa sisiqendwana (3), iBhunga malithi zingekapheli iintsuku ezisixhenxe ukususela kwintlanganiso yalo egqithileyo lithumele isicelo nezindululo zalo kuMphathiswa ukuba enze isigqibo zingekapheli iintsuku ezingama-30 ezifumene. (6) Xa iBhunga lingakwazi ukwenza ingekapheli le mida yexesha exelwe kwisiqendwana (5), iBhunga malithi, ngokubhala, licele uMphathiswa alolulele ixesha 10 elingagqithiyo kwiintsuku ezingama-30 okanye ke elinye elinokuthi libonwe nguMphathiswa lifanelekile. (7) Xa kuvunyiwe ukolulwa kwexesha njengoo kuxelwe kwisiqendwana (6), iBhunga malimazise ngencwadi umenzi-sicelo ekuthethwe ngaye kwisiqendu 17(1) ngokolulwa kwexesha. 15 Amagunya oMphathiswa okubhengeza iziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 20. (1) Ngokulawulwa sisiqendwana (2), esakufumana isindululo esivela kwiBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, uMphathiswa unokuthi— (a) azibhengeze iziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo emva kokuqwalasela— (i) ukuba isicelo siyahlangabezana kusini na neemfuneko ezixelwe kwisiqendu 16(1); (ii) isindululo seBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; nasemva kokuqwalasela (iii) nayiphi na enye ingcombolo uMphathiswa abona kufanelekile ukuba iqwalaselwe; (b) azihlele ngokodidi iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye iinxalenye ezithile zayo ezibhengezwe ngokwesiqendu (a), ngokoludidi lokuba zinobungozi obuncinane, obuphakathi okanye obukhulu kusini na; (c) xa kuyimfuneko ukuphumeza iinjongo zalo Mthetho, agqibe kwelokuba iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ziyinxalenye yodederhu lweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; aze (d) abeke imiqathango enokuthi ifuneke mayela namanyathelo amakawasebenzise umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ukuze zilondolozeke iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. (2) UMphathiswa makazise iBhunga, noMkomishinala Wezwelonke nomntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo, emazisa— (a) ngokubhengezwa kwezo ziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (b) ngodidi lobungozi loko kubhengezwa; (c) ngemiqathango exelwe kwisiqendwana (1)(d); (d) ngendlela engena ngayo kolu daba i-Income Tax Act 58 ka-1962; (e) nangexesha emalingapheli umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo engawathabathanga amanyathelo axelwe kwisiqendu 24(1). (3) Xa iziseko zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo uMphathiswa unokuthi, ebonisana nomntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo, ecingela ukuba kusenokwenzeka ukuba ukukhuseleka kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kube semngciphekweni, agqibe kwelokuba ukupapashwa kwengcombolo emalunga namanyathelo athile okhuseleko amakasetyenziswe kwezo ziseko zibalulekileyo, makusikelwe umda. 20 25 30 35 40 45 50 Isiqinisekiso sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 21. (1) Xa iziseko zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, uMphathiswa makakhuphe isiqinisekiso sokubhengezwa, ngefom emiselweyo nangendlela emiselweyo, asinike umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo, 55 exela— (a) udidi lobungozi olugqitywe nguMphathiswa; (b) indawo ezikuyo iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (c) imiqathango ayibona iyimfuneko uMphathiswa ngenjongo yokuzikhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; kwaye This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents