GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   33 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 33 (b) zingekapheli iintsuku ezingama-30 esifumene isicelo, aziphonononge ukungabi nabungozi iziseko ezo ukuze— (i) aqinisekise ukuchana kwengcombolo ekwisicelo; (ii) aphonononge ubungakanani bobungozi ezinokuba kubo ezo ziseko; (iii) aqiniseke ukuba amanyathelo okhuseleko afunwa ngumntu ophetheyo kwiziseko ayahambelana na namanyathelo afunekayo nemilinganiselo yokukhuselwa kweziseko; kwaye (iv) anike umntu ophetheyo kwezo ziseko ithuba lokutsho afuna ukukutsho ngokubhala ngokuphononongwa kokhuseleko okuqhutywe ngokwesi siqendwana; aze (c) zingekapheli iintsuku ezingama-60 emva kokuba kuqhutyiwe ukuphononongwa kokhuseleko okanye emva kokuba zifunyenwe izimvo ezibhaliweyo ezixelwe kwisiqendu (b)(iv), kuxhomekeke ekubeni yeyiphi eyenzeka mgqibeli, athumele kwiBhunga ukuze liqwalasele— (i) ingxelo yokuphononongwa kokhuseleko kunye nesicelo; (ii) izimvo ezibhaliweo ezixelwe kwisiqendu (a)(ii); kwakunye (iii) nezimvo ezibhaliweyo ngokwesiqendu (b)(iv). (5) Xa umenzi-sicelo ebeke isizathu esivakalayo sokungalandelwa kwenkqubo ekwisiqendwana (4)(a), uMkomishinala Wezwelonke makasibhekise isicelo kwiBhunga onokuthi akuyeke ukupapasha ekuthethwe ngako kwisiqendwana (4)(a) emva kokuba eqwalasele izinto ezikwisiqendwana (6). (6) Ngokwenjongo yesiqendwana (4) no-(5), umenzi-sicelo makabonise ukuba ukuphambuka kwinkqubo ekwisiqendwana (4)(a) kufanelekile kwiimeko ezikhoyo, xa kucingelwa zonke izinto emazicingelwe, eziquka— (a) iinjongo zokubhengezwa njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (b) uhlobo, injongo, nesiphumo esinokubakho sokubhengezwa njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (c) uhlobo nobungakanani bokuphambuka kwisiqendwana (4)(a); (d) ubudlelane phakathi kokuphambuka nenjongo yako; (e) ukubaluleka kwenjongo yokuphambuka; (f) nemfuneko yokukhuthaza ulawulo olutyibilikayo nolawulo oluhle. (7) Xa kunokwenzeka ukuba iBhunga ligqibe kwelokuba inkqubo exelwe kwisiqendwana (4)(a)— (a) mayilandelwe, iBhunga maliyalele uMkomishinala Wezwelonke ukuba apapashe isihlokomiso esixelwe kwisiqendwana (4)(a) kunye nemiyalelo ngengcombolo emayiqulathwe kwisihlokomiso, ekuya kuthi emva koko uMkomishinala Wezwelonke asisingathe isicelo; okanye (b) kuvumelekile ukuba kuphambukwe kuyo, iBhunga maliyalele uMkomishinala Wezwelonke ukuba aphambuke koko kutshiwo sisiqendwana (4)(a) aze aqhubeke ukusisingatha isicelo. (8) UMkomishinala Wezwelonke unokuthi acele iNtloko yesebe likaRhulumente eliyinkonzo yokhuseleko esekwe ngokwesiqendu 199 soMgaqo-siseko, ukuba achonge ilungu elifanelekileyo laloo nkonzo yokhuseleko ukuba lincedise ekuphononongeni ukhuseleko okuxelwe kwisiqendwana (4)(b), xa kufuneka enze njalo. (9) Ukuba iziseko ezifanelekela eso sicelo zizakhiwo eziliqela, okanye ziinkonzo, umntu ophetheyo kwezo ziseko makenze isicelo sokuba zonke ezo ziseko zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. (10) Xa uMkomishinala Wezwelonke engakwazi ukuba enze ngokwemida yamaxesha exelwe kwisiqendwana (4), uMkomishinala Wezwelonke makathi, ngokubhala, enze isicelo asibhekise kwiBhunga ngendlela emiselweyo sokuba olulelwe ixesha lingagqithi kwiintsuku ezingama-30 okanye ecele elinye ixesha elinokuthi ligqitywe liBhunga. (11) Xa kuvunyiwe ukolulwa kwexesha njengoko kuxewe kwisiqendwana (10), iBhunga malimazise umenzi-sicelo ekuthethwe ngaye kwisiqendwana (1), limazisa ngokolulwa kwexesha, ngokumbhalela. This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 5 10 15 20 25 30 35 40 45 50 55

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents