GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 41
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
41
(c) kukho utshintsho oluchaphazela ukukwazi kweziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo okanye ukukwazi komntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo ukuba afeze okufunwa ngulo Mthetho.
(3) Emva kokuba eqwalasele isaziso esixelwe kwisiqendwana (2), uMkomishinala
Wezwelonke unokuthi enze isiphakamiso kuMphathiswa sokukurhoxisa ukubhengezwa
kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, ukuba—
(a) kukho utshintsho oluxelwe kwisiqendwana (2);
(b) ezo ziseko zabhengezwa njengeziseko ngenxa yengcombolo engachananga
okanye ebubuxoki; okanye
(c) umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo uyoyisakala
ukwenza okufunwa—
(i) ngumqathango wesibhengezo; okanye
(ii) ngulo Mthetho.
(4) Emva kokuba esiqwalasele isiphakamiso soMkomishinala Wezwelonke,
uMphathiswa unokuthi asirhoxise isibhengezo esibhengeza iziseko njengeziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo, ekwenza oko ekususela nakweyiphi na into exelwe
kwisiqendwana (3).
(5) Ngaphambi kokuba arhoxise isibhengezo esibhengeza iziseko njengeziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo ngokwesiqendwana (4), uMphathiswa—
(a) makanike umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo isaziso esibhaliweyo
sokuba uceba ukusirhoxisa isibhengezo;
(b) makanike umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo ithuba lokutsho
afuna ukukutsho ngokubhala zingekapheli iintsuku ezingama-30 exela ukuba
kungani singafanele sirhoxiswe isibhengezo esibhengeza iziseko
njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; aze
(c) akuqwalaselisise oko kuthe kwatshiwo kunye nezibakala eziphathelele kulo
mbandela.
(6) (a) UMphathiswa makazise umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo,
ngokumbhalela, emazisa ngesigqibo esithatyathiweyo ngokwesi siqendu, aze, ukuba
isibhengezo siyarhoxiswa, axele izizathu zokurhoxiswa kwaso nomhla okuqala ngawo
ukurhoxiswa kwaso.
(b) Isaziso esixelwe kwisiqendu (a) makasinikwe esandleni umntu ophetheyo
kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, esinikwa lipolisa, ngendlela emiselweyo.
(7) Xa sirhoxiswa isibhengezo sokuba iziseko ziziziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo njengoko kuxelwe kwisiqendwana (4), umntu ophetheyo kwezo ziseko
zibalulekileyo—
(a) makazinike ipolisa zonke iziqinisekiso zesibhengezo, ezinika ipolisa elizise
isaziso esixelwe kwisiqendwana (6), elinika zonke iziqinisekiso kwaoko
esakunikwa isaziso; okanye
(b) azibuyisele zonke iziqinisekiso kuMphathiswa xa kuphela isibhengezo
ngendlela exelwe kwisiqendwana (1)(a), ekwenza oko zingekapheli iintsuku
ezisixhenxe siphelile.
(8) Ipolisa ekuthethwe ngalo kwisiqendwana (6)(b) malizinike uMphathiswa
iziqinisekiso ezixelwe kwisiqendwana (7)(a).
ISAHLUKO 4
5
10
15
20
25
30
35
40
45
AMAGUNYA ABANTU ABAPHETHEYO KWIZISEKO EZIBALULEKILEYO
EZINGUNDOQO NEMISEBENZI YABO
Amagunya omntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo nemisebenzi
yakhe
24. (1) Esakufumana isaziso ekuthethwe ngaso kwisiqendu 20(2), umntu ophetheyo 50
kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo makathi, ngokulawulwa sisiqendwana (4),
athabathe amanyathelo ayimfuneko okukhusela ezo ziseko zibalulekileyo ngeendleko
zakhe.
(2) Umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo eziphantsi kwegunya
lesebe likarhulumente okanye elinye icandelo likarhulumente makathabathe 55
amanyathelo okuqinisekisa ukuba ezo ziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
ziyakhuselwa ngabaqeshwa belo sebe likarhulumente okanye belo candelo
likarhulumente.
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents