GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 39
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
39
(d) ukuba ingcombolo emalunga namanyathelo okhuseleko iza kusikelwa umda
kusini na.
(2) UMphathiswa makakhuphe isiqinisekiso ngendawo nganye ekukho kuyo iziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo.
(3) Isiqinisekiso masikhutshwe ngomntu ophetheyo kwezo ziseko ezibalulekileyo 5
ezingundoqo.
(4) Ukubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
akumkhululi umntu ophetheyo apho kuzo ekwenzeni okufunwa nguwo nawuphi na
omnye umthetho osebenza kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo.
(5) UMkomishinala Wezwelonke makabhale kwirejista emiselweyo iinkcukacha 10
zokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye
iinkcukacha zokurhoxiswa kwesibhengezo, rejista leyo emayifikelelwe luluntu
ngendlela emiselweyo.
(6) Ngokukhuph’ isihlokomiso kuShicilelo-Mithetho, uMphathiswa makapapashe
iinkcukacha ezinokuthi zifuneke ezimalunga neziseko ezibhengezwe njengeziseko 15
ezibalulekileyo ezingundoqo nezaxa eso sibhengezo sirhoxisiwe.
Ukwenziwa kotshintsho kwingcombolo okanye kwimiqathango nguMphathiswa
22. (1) Ukuba kukho utshintsho kwiimeko zeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo,
uMphathiswa unokuthi, ngesiphakamiso esivela kwiBhunga Leziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo okanye esakufumana isicelo esibhaliweyo esivela kumntu ophetheyo
kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye esivela kuMkomishinala Wezwelonke,
unokuthi—
(a) enze utshintsho kudidi lobungozi olugqitywe ngokwesiqendu 20(1)(b);
okanye
(b) enze utshintsho kwingcombolo okanye kwimiqathango ekwisiqinisekiso
sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
okuthethwe ngako kwisiqendu 21.
(2) Ngaphambi kokuba abe nento ayenzayo ngecebiso okanye ngesicelo esixelwe
kwisiqendwana (1) sokwenza utshintsho kudidi lobungozi, okanye utshintsho
kwingcombolo okanye kwimiqathango, uMphathiswa makanike umntu ophetheyo
kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo—
(a) isaziso esibhaliweyo esithi uceba ukwenza utshintsho kudidi lobungozi,
okanye
kwingcombolo
okanye
kwimiqathango
ekwisiqinisekiso
sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; aze
(b) zingaphelanga iintsuku ezingama-30 abhalele uMphathiswa esitsho oko afuna
ukukutsho mayela nokuba kungani uMphathiswa engamele enze utshintsho
kudidi lobungozi, kwingcombolo okanye kwimiqathango ekwisiqinisekiso
sokubhengezwa.
(3) UMphathiswa makakuqwalasele okubhaliweyo okutshiwoyo okuthethwe ngako
kwisiqendwana (2)(b) aze azise umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo, emazisa—
(a) ngesigqibo esithatyathiweyo ngokwesi siqendu;
(b) ngezizathu zesigqibo;
(c) nangomhla esiqala ngawo ukusebenza isigqibo.
Ukurhoxiswa kwesibhengezo
20
25
30
35
40
45
23. (1) Isibhengezo sokuba iziseko ziziziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ngokwesi
Sahluko siyaphela—
(a) xa umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo eyeka ukwenza
izinto ezazingunobangela wokuba uMphathiswa azibhengeze iziseko
njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; okanye
50
(b) sisakurhoxiswa isibhengezo ngokwesiqendwana (4).
(2) Umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo makazise
uMkomishinala Wezwelonke ngokubhala zingekapheli iintsuku ezingama-30 ukuba—
(a) kukho utshintsho kwingcombolo eyayingenisiwe iyeyesicelo sokubhengezwa
kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
55
(b) kukho utshintsho kulawulo okanye kubumnini beziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo; okanye
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents