GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 37
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
37
(b) linike umntu ophetheyo kwezo ziseko ithuba elingekho ngaphantsi
kweentsuku ezingama-30 lokuba atsho afuna ukukutsho.
(4) IBhunga malikuqwalasele okuye kwatshiwo ngokwesiqendwana (3) ngaphambi
kokuba lenze isindululo esiya kuMphathiswa malunga nokuba mazibhengezwe
njengezibalulekileyo kusini na iziseko okanye mazingabhengezwa.
5
(5) Ngokulawulwa sisiqendwana (3), iBhunga malithi zingekapheli iintsuku
ezisixhenxe ukususela kwintlanganiso yalo egqithileyo lithumele isicelo nezindululo
zalo kuMphathiswa ukuba enze isigqibo zingekapheli iintsuku ezingama-30 ezifumene.
(6) Xa iBhunga lingakwazi ukwenza ingekapheli le mida yexesha exelwe
kwisiqendwana (5), iBhunga malithi, ngokubhala, licele uMphathiswa alolulele ixesha 10
elingagqithiyo kwiintsuku ezingama-30 okanye ke elinye elinokuthi libonwe
nguMphathiswa lifanelekile.
(7) Xa kuvunyiwe ukolulwa kwexesha njengoo kuxelwe kwisiqendwana (6), iBhunga
malimazise ngencwadi umenzi-sicelo ekuthethwe ngaye kwisiqendu 17(1) ngokolulwa
kwexesha.
15
Amagunya oMphathiswa okubhengeza iziseko njengeziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo
20. (1) Ngokulawulwa sisiqendwana (2), esakufumana isindululo esivela kwiBhunga
Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, uMphathiswa unokuthi—
(a) azibhengeze iziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo emva
kokuqwalasela—
(i) ukuba isicelo siyahlangabezana kusini na neemfuneko ezixelwe
kwisiqendu 16(1);
(ii) isindululo seBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; nasemva
kokuqwalasela
(iii) nayiphi na enye ingcombolo uMphathiswa abona kufanelekile ukuba
iqwalaselwe;
(b) azihlele ngokodidi iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye iinxalenye
ezithile zayo ezibhengezwe ngokwesiqendu (a), ngokoludidi lokuba
zinobungozi obuncinane, obuphakathi okanye obukhulu kusini na;
(c) xa kuyimfuneko ukuphumeza iinjongo zalo Mthetho, agqibe kwelokuba
iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ziyinxalenye yodederhu lweziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo; aze
(d) abeke imiqathango enokuthi ifuneke mayela namanyathelo amakawasebenzise umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ukuze
zilondolozeke iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo.
(2) UMphathiswa makazise iBhunga, noMkomishinala Wezwelonke nomntu
ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo, emazisa—
(a) ngokubhengezwa kwezo ziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(b) ngodidi lobungozi loko kubhengezwa;
(c) ngemiqathango exelwe kwisiqendwana (1)(d);
(d) ngendlela engena ngayo kolu daba i-Income Tax Act 58 ka-1962;
(e) nangexesha emalingapheli umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo
engawathabathanga amanyathelo axelwe kwisiqendu 24(1).
(3) Xa iziseko zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo uMphathiswa
unokuthi, ebonisana nomntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo, ecingela ukuba
kusenokwenzeka ukuba ukukhuseleka kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kube
semngciphekweni, agqibe kwelokuba ukupapashwa kwengcombolo emalunga
namanyathelo athile okhuseleko amakasetyenziswe kwezo ziseko zibalulekileyo,
makusikelwe umda.
20
25
30
35
40
45
50
Isiqinisekiso sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
21. (1) Xa iziseko zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo,
uMphathiswa makakhuphe isiqinisekiso sokubhengezwa, ngefom emiselweyo
nangendlela emiselweyo, asinike umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo,
55
exela—
(a) udidi lobungozi olugqitywe nguMphathiswa;
(b) indawo ezikuyo iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(c) imiqathango ayibona iyimfuneko uMphathiswa ngenjongo yokuzikhusela
iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; kwaye
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents