GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   35 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 35 Ukwenziwa kwesicelo nguMkomishinala Wezwelonke sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo nodederhu lweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 18. (1) Xa uMkomishinala Wezwelonke ebona iziseko ziziziseko ezinokuthi zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo— (a) kuziziseko eziphethwe ngumasipala okanye ngurhulumente wephondo, makacebise imaneja kamasipala okanye intloko yesebe lephondo ukuba ifake isicelo ngokwesiqendu 17; kwaye (b) naxa kuziziseko zikarhulumente, makafake isicelo ngokwesiqendwana (2). (2) Xa uMkomishinala Wezwelonke esenza isicelo sokubhengezwa kweziseko zikarhulumente njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, isicelo masithi, ngokulawulwa sisiqendwana (3), senziwe kusetyenziswa ifom emiselweyo nangendlela emiselweyo, size sithunyelwe kwiBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ukuze siqwalaselwe. (3) Ngaphambi kokuba uMkomishinala Wezwelonke enze isicelo ekuthethwe ngaso kwisiqendwana (1)(b), uMkomishinala Wezwelonke— (a) makazise intloko yesebe likaRhulumente engumntu ophetheyo kwezo ziseko, ngefom emiselweyo nangendlela emiselweyo, eyazisa ngenjongo anayo yena Mkomishinala Wezwelonke; (b) makanike umntu ekuthethwe ngaye kwisiqendu (a) ithuba lokuba atsho afuna ukukutsho ngokubhala zingekapheli iintsuku ezingama-60 ngayo nayiphi na into emalunga nesicelo esicetywayo; (c) makakuqwalaselwe okubhaliweyo ekuthethwe ngako kwisiqendu (b); aze (d) zingekapheli iintsuku ezisixhenxe esithabathile isigqibo sokuba aqhubeke okanye angaqhubeki nesicelo, azise umntu ekuthethwe ngaye kwisiqendu (a) ngokumbhalela emazisa ngeso sigqibo nangezizathu zaso. (4) Xa uMkomishinala Wezwelonke egqiba kwelokuba aqhubeke nesicelo, makaqinisekise ukuba okubhaliweyo ekuthethwe ngako kwisiqendwana (3)(b) kwakunye nezizathu zakhe ekuthethwe ngazo kwisiqendwana (3)(d) kuba yinxalenye yesicelo esithunyelwa kwiBhunga. 5 10 15 20 25 30 Ukuqwalaselwa kwesicelo sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo liBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 19. (1) Xa iBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo lifumana isicelo sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo— (a) malisebenzise iimfuneko emakuhlangatyezwane nazo ekuthethwe ngazo kwisiqendu 16(2) ukuze liqonde ukuba ezo ziseko ziyafaneleka kusini na ngokwesiqendu 16(1) ukuba zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (b) maliqwalasele ubungozi obunokubakho kwezo ziseko, licingela— (i) inkqubo emiselweyo yokuhlela ngokweendidi iziseko malunga nokuba zikudidi oluphantsi, okanye oluphakathi okanye oluphezulu lobungozi; (ii) ukuba kunokwenzeka kusini na zoyisakale, ziphazamiseke, okanye zitshatyalaliswe; (iii) nesiphumo sokoyisakala, ukuphazamiseka okanye ukutshatyalaliswa okanye isisongelo sako; (c) maliqwalasele ukuba ukubhengezwa kwazo njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kuya kuba luncedo kangakani na kuluntu; (d) maliqwalasele izikhokelo ezimiselweyo ukuze kubonakale ukuba zeziphi iziseko emazibhengezwe njengezibalulekileyo; kwaye (e) malicingele naziphi na ezinye iimfuneko ezixelwe kwisiqendu 16(2)(f). (2) Emva kokuba iBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo lenze imisebenzi ekwisiqendwana (1), malenze izindululo eziya kuMphathiswa— (a) zokuba iziseko ezo ziyafaneleka kusini na ukubhengezwa njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; kwaye (b) ngokuthi mazibe koluphi udidi lwezinobungozi. (3) Ngaphambi kokuba iBhunga lenze izindululo eziya kuMphathiswa zokuba makazibhengeze njengezibalulekileyo okanye angazibhengezi njengezibalulekileyo, iBhunga— (a) malazise umntu ophetheyo kwezo ziseko ngesindululo esicetywayo nezizathu zeso sindululo; lize This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 35 40 45 50 55 60

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents