GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   31 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 31 Ukwenziwa kwesicelo sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo nanjengodederhu lweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, ngumntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 17. (1) Umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo unokuthi, ngendlela emiselweyo, afake isicelo kuMkomishinala Wezwelonke sokuba iziseko zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ngokwesi Sahluko. (2) Isicelo sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo masibe nale ngcombolo ilandelayo— (a) icandelo eyenzeka kulo imisebenzi ephambili yezo ziseko; (b) izinto eziluncedo ezifumanekayo kumntu ophetheyo kwiziseko— (i) zokukhusela ezo ziseko ekutshatyalalisweni, ekuphazanyisweni, ekoyisakaleni okanye ekuthotyweni komgangatho wazo; (ii) zokungciba ezo ziseko okanye zokufuna ezinye, kuquka izixhobo zazo, impahla yazo okanye inkonzo yazo; okanye (iii) zokuqinisekisa ukuba iziseko ezo zibuyela kwimeko entle kwakhona emva kokuba bezitshatyalalisiwe, okanye zaphazanyiswa, zoyisakala okanye zathotywa umgangatho; (c) iziphumo ezinokuthi zibekho xa iziseko zitshatyalalisiwe, zaphazanyiswa, zoyisakala okanye zathotywa umgangatho, kuziziphumo— (i) kokusingqongileyo; (ii) kwimpilo okanye ukukhuseleka koluntu okanye elinye icandelo loluntu; (iii) ekukwazini kweRiphablikhi ukusebenza, ukunikezela ngeenkonzo ezisisiseko okanye ekulondolozweni kokusebenza komthetho nocwangco; nakuzo (iv) naziphi na ezinye iziseko ezinokuthi zichaphazele kakubi imisebenzi nokusebenza kwezo ziseko kuthethwa ngazo; (d) ubungakanani babantu abanokuba sengozini nendawo abakuyo; (e) iziganeko— (i) eziyingozi kwiziseko; (ii) nokutshatyalaliswa,ukoyisakala okanye ukuthotywa komgangatho wezo ziseko; (f) ubungakanani bobungozi ezinokujongana nabo ezo ziseko; (g) iimpawu ezikhethekileyo zezo ziseko zokuhlangabezana nobungozi obuxelwe kwisiqendu (f); (h) ukuthi ukubhengezwa kwazo njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kuya kulunceda kangakanani uluntu; (i) nayiphi na enye ingcombolo enokuthi iman’ ukugqitywa nguMphathiswa ngesihlokomiso kuShicilelo-Mithetho, emva kokubonisana neBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. (3) Xa isebe likarhulumente okanye icandelo likarhulumente liphethe kwicandelo ewela kulo imisebenzi yeziseko, isicelo masiqulathe noku kulandelayo— (a) amazwi avela kwintloko yesebe likarhulumente okanye avela kwintloko yecandelo likarhulumente elilawula icandelo ekwenzeka kulo imisebenzi yeziseko, apho lixhasa isicelo; kwakunye (b) iinkcukacha— (i) zomnye umntu ongenguye umenzi-sicelo onelungelo okanye onomdla kwezo ziseko; (ii) zesivumelwano nomntu oxelwe kwisiqendwana (i) malunga nesicelo sokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (iii) zomntu ongenguye umenzi-sicelo oza kuthwala iindleko zokufumana ezo ziseko; (iv) zesivumelwano nomntu oxelwe kwisiqendwana (iii) malunga neendleko zokufumana ezo ziseko; kwakunye (c) nayiphi na enye ingcombolo efanelekileyo eyimfuneko ngokokubona komenzi-sicelo ukuze siqwalaselwe ngokufanelekileyo isicelo. (4) Ngokulawulwa sisiqendwana (5), uMkomishinala Wezwelonke makathi— (a) esakufumana isicelo, apapashe isihlokomiso seso sicelo kuShcileloMithetho— (i) exela igama lomenzi-sicelo nedilesi esenzelwa yona isicelo; (ii) emema abantu abanomdla ukuba bathumele izimvo ezibhaliweyo malunga nesicelo; This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 5 10 15 20 25 30 35 40 45 50 55 60

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents