GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 29
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
29
(c) akumohluthi uMkomishinala Wezwelonke imbopheleleko anayo ngokusetyenziswa kwelo gunya aliphathisileyo.
(7) UMkomishinala Wezwelonke unokuthi avumelane nesigqibo esenziweyo lipolisa
ngokuphathiswa okanye ngokuphathiswa ngophathisiweyo ngokwesi siqendu, okanye
unokuthi enze utshintsho kweso sigqibo okanye asirhoxise kwaphela, kodwa ke
akufuneki aphazanyiswe amalungelo afunyenwe ngumntu ngenxa yeso sigqibo.
5
Ukwenz’ ingxelo koMphathiswa
15. Qho kabini ngonyaka, uMphathiswa makathi thaca ePalamente ingxelo ngezinto
ezenziwe liBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, ubume bengxelo bufane
10
kanobom nobume bengxelo ekwisiqendu 7(6).
ISAHLUKO 3
UKUBHENGEZWA KWEZISEKO NJENGEZISEKO EZIBALULEKILEYO
EZINGUNDOQO NOKWENZIWA KWESIGQIBO NGODEDERHU
LWEZISEKO EZIBALULEKILEYO EZINGUNDOQO
Iimfuneko zokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
16. (1) Iziseko ziyafaneleka ukuba zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo, ukuba—
(a) ukusebenza kwezo ziseko kuyimfuneko ukuze kuncedakale uqoqosho,
ukhuseleko lwelizwe, ukhuseleko loluntu nokunikezelwa kweenkonzo
ezisisiseko okuqhubekayo; kube
(b) ukulahlekelwa zezo ziseko, ukonakala kwazo, ukuphazanyiswa kwazo
kungabeka emngciphekweni omkhulu—
(i) ukusebenza okanye ukuzinza kweRiphablikhi;
(ii) uluntu ngokubhekiselele kukhuseleko nokulondolozwa kokugcinwa
komthetho nocwangco; kunye
(iii) nokhuseleko lwelizwe.
(2) Ekwenzeni isigqibo mayela nokuba iimfuneko zokufaneleka ezixelwe
kwisiqendwana (1) kuyahlangatyezwana nazo, makusetyenziswe enye okanye
ezingaphezu kwenye kwezi mfuneko zilandelayo:
(a) iziseko ezo mazibe zezibaluleke kakhulu kuqoqosho, kuluntu,
nasekucwangciseni;
(b) ukukwazi kweRiphablikhi ukusebenza, ukukwazi kwayo ukunikezela
iinkonzo ezisisiseko okanye ukukwazi kwayo ukulondoloza ukugcinwa
komthetho nocwangco kungachaphazeleka ukuba inkonzo efezwa ziziseko
iyaphazanyiswa, okanye ukuba iziseko ziyatshatyalaliswa, okanye zenziwe
zoyisakele;
(c) ukuphazanyiswa kwenkonzo eyenziwa ziziseko, okanye ukutshatyalaliswa
kweziseko, ukuphazanyiswa kwazo, ukuthotywa komgangatho wazo, okanye
ukoyisakala kwazo kuya kuba nesiphumo esibi kokusingqongileyo, kwimpilo
okanye kukhuseleko loluntu, okanye icandelo loluntu, okanye kwezinye
iziseko ezingachaphazela kakubi ukusebenza kwezi ziseko kuthethwa ngazo;
(d) kukho izizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba ukubhengezwa
njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo akuyi kuba nesiphumo esibi
kakhulu kuluntu;
(e) ukubhengezwa njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kungenxa
yokunyanzeleka ngokomthetho wamazwe ngamazwe onkqamangelayo
okanye ngesivumelwano samazwe ngamazwe;
(f) naziphi na ezinye iimfuneko ezinokuthi ziman’ ukuxelwa nguMphathiswa
ngesihlokomiso kuShicilelo-Mithetho, emva kokubonisana neBhunga
Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo.
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
15
20
25
30
35
40
45
50
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents