GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   25 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 25 (b) ukoyisakala okanye ukwala okuxelwe kwisiqendu (a) kubek’ esichengeni iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kangangokuba azinakukhuseleka xa kunokuthi kubekho isenzo esinobungozi; nethi (c) xa kunokuthi kubekho isenzo esinobungozi, ukungazikhuseli iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kungabangela ukuphazamiseka— (i) kokusebenza okanye kokuzinza koqoqosho lweRiphablikhi; (ii) kokusebenza komthetho nocwangco; (iii) kokunikwa kweenkonzo ezisisiseko; okanye (iv) ukhuseleko lwelizwe. (6) Nangona uMphathiswa enegunya lokuthabatha amanyathelo okanye lokwenza ukuba kuthatyathwe amanyathelo ngokukhuseleka kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo njengoko kuxelwe kwisiqendwana (5), unokuthi xa iimeko ezingxamisekileyo zifunisa ukuba makubekwe ecaleni okufunwa sisiqendwana (3), okanye (4), enze isicelo enkundleni efuna— (a) umyalelo onyanzela umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo— (i) ukuba akwenze okufunwa ngulo Mthetho okanye ayeke ukwaphula okutshiwo ngulo Mthetho; (ii) ukuba akwenze okufunwa sisaziso esikhutshwe ngokwesiqenwana (3) okanye athabathe amanye amanyathelo ayimfuneko ukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; okanye (iii) ukuba ayiyeke indlela yokukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo enokubangela ukunyhashwa kwamanyathelo okukhuselwa kwezo ziseko zibalulekileyo; okanye (b) nawuphi na omnye umyalelo inkundla ewubona ufanelekile. (7) Isaziso bekuthethwe ngaso kwisiqendwana (3) nese-(4) masinikwe umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye umntu ochongwe ngumntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye, ukuba akekho, sinikwe umqeshwa okwelona nqanaba liphezulu kwezo ziseko zibalulekileyo esinokunikwa yena isaziso. (8) UMphathiswa unokuthi, ngokukhuph’ isihlokomiso kuShicilelo-Mithetho, ekwabonisana nentloko yeziko likarhulumente okanye yequmrhu elisekwe ngokomthetho wepalamente, ekwenza oko nangayiphi na indlela okanye ekwenza elawulwa yimiqathango exeliweyo kwisihlokomiso, unokuthi anikezele ngamagunya akwesi siqendu ewanikezela nakowuphi na umntu okwaziyo ukuwenza umsebenzi oqeshwe liziko likarhulumente elixelwe kwisiqendu 1 sePublic Finance Management Act 1 ka-1999, okanye oqeshwe liqumrhu elisekwe ngokomthetho wepalamente, ukuba loo mntu uligosa lokumilisel’ uxolo elixelwe kwisiqendu 1(1) seCriminal Procedure Act 51 ka-1977. (9) Isihlokomiso ekuthethwe ngaso kwisiqendwana (8) masixele ukuba— (a) angakanani amagunya anikezelwa kuloo mntu , phantsi kwayiphi imiqathango; nokuthi (b) imiyalelo exelwe kwisiqendwana (2)(b)(ii) isebenza kangakanani kuloo mntu ekusebenziseni kwakhe loo magunya. (10) Ngaphambi kokuba asebenzise amagunya angokwesi Sahluko, umhloli makazichaze kumntu ophetheyo okanye kumphathi wokhuseleko weziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kwaye makavelise isiqinisekiso esikhutshwe nguMkomishinala Wezwelonke ekuthethwe ngaso kwisiqendu 10(2). 5 10 15 20 25 30 35 40 45 ICandelo C Iikomiti, ukungasebenzi kwemiqathango kubantu abathile, nokuwaphathisa amagunya 50 Iikomiti zethutyana nezisisigxina 12. (1) UMkomishinala Wezwelonke unokuthi aseke ikomiti yethutyana okanye esisigxina yokumncedisa, ekwenza oko xa ekubona kuyimfuneko ukufumana icebiso okanye uncedo ukuze enze nawuphi na umsebenzi oxelwe kwisiqendu 9(2) nese-(3). 55 (2) Ikomiti esekwe ngokwesiqendwana (1) inokuthi isungule amaqela okusebenza ethutyana okuyincedisa ekwenzeni imisebenzi yayo. (3) Nayiphi na ikomiti okanye iqela lokusebenza elisungulwe ngokwesiqendwana (1) nese-(2) linokuthi kulo libe nabantu abangengawo amapolisa. This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents