GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   23 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 23 Ukuchongwa kwabahloli 10. (1) UMkomishinala Wezwelonke unokuthi achonge amapolisa anesiqinisekiso esifanelekileyo sokhuseleko, anamava ekukhuselweni kweziseko, ewachonga ubuncinane kwinqwanqwa lamapolisa aziiwarrant offıcer, abe ngabahloli. (2) UMkomishinala Wezwelonke makakhuphe isiqinisekiso asinike umhloli ngamnye ochongwe ngokwesiqendwana (1), ekwenza oko ngendlela emiselweyo, kusisiqinisekiso esithi elo polisa lichongelwe ukuba libe ngumhloli ngokwalo Mthetho. 5 Imisebenzi yabahloli 11. (1) Nangaliphi na ixesha, umhloli angahlola iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ngenjongo— (a) yokuqiniseka ukuba umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo uwathabathile kusini na amanyathelo okuzikhusela ezo ziseko zibalulekileyo axelwe kwisiqendu 24(1); (b) yokuqiniseka ngobunyani bengcombolo emalunga nokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kwakunye nengxelo yokuphonongwa kokhuseleko exelwe kwisiqendu 17(4)(c)(i) okanye okunye ukuphononongwa kokhuseleko okulandelayo; (c) yokuqwalasela ngokutsha imeko yokhuseleko nokuphonononga imeko yokhuseleko lweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (d) yokuqiniseka ukuba kuyenziwa okufunwa ngulo Mthetho; kwaye (e) yokuqulunqa ingxelo ngemibandela ekuthethwe ngayo kwisiqendu (a) ukuya ku-(d) esenzela uMkomishinala Wezwelonke nomntu ongumphathi weziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. (2) Umhloli— (a) makagcine imfihlo okanye ancedise ekugcineni imfihlo ngayo yonke imibandela engokusebenza kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo anokuthi abe nolwazi ngayo xa esenza imisebenzi yakhe, kwaye akavumelekanga ukuba athethe ngaloo mibandela nakuwuphi na umntu ngaphandle kwakuMkomishinala Wezwelonke, okanye ngaphandle kwaxa kuyalele inkundla yomthetho, okanye ngaphandle kokuba oko kuthetha kuyimfuneko ukuze awufeze kakuhle umsebenzi wokuhlola; (b) makayenze imisebenzi yakhe okanye awasebenzise amagunya akhe— (i) elandela inkqubo efunekayo; (ii) ngokuvumelana nemiyalelo ekhutshwe nguMphathiswa; (iii) ngendlela engakuthinteliyo okanye engakubeki ngozini ukusebenza kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ezihlolwayo; kananjalo (iv) ehlonipha ngokungqongqo isidima somntu nocwangco. (3) Xa umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo esoyisakala okanye esala ukungenisa umhloli kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, umhloli unokuthi amkhuphele isaziso esifunekayo sokunyanzelisa ukungena, ekwenza oko ngendlela emiselweyo, asinike umntu ophetheyo kwezo ziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, efuna ukuba loo mntu angenise umhloli kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zingekapheli iintsuku ezisixhenxe, ngenjongo yokuba ahlole. (4) Ukuba umhloli unezizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba indlela yokukhusela iziseko ezibalulelekilyo okanye ukoyisakala okanye ukwala ukwenza okufunwa ngulo Mthetho kunokuchaphazela kakubi ukhuseleko lwezo ziseko zibalulekileyo, umhloli unokuthi, ngesaziso esibhaliweyo ngendlela emiselweyo, ayalele umntu ophetheyo kwezo ziseko zibalulekileyo ukuba athi lingekapheli ixesha elixelwe kwisaziso athabathe amanyathelo okukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo axeliweyo kwisaziso eso. (5) Nangona sisitsho oku sikutshoyo isiqendwana (4), uMphathiswa unokuthi athabathe amanyathelo okanye enze ukuba kuthatyathwe amanyathelo okukhuselwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo xa enikwa ingcombolo ethembekileyo efungelweyo ethi— (a) umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo uyoyisakala okanye uyala— (i) ukwenza okufunwa ngulo Mthetho; okanye (ii) ukuthabatha amanyathelo axelwe kwisaziso ekuthethwe ngaso kwisiqendwana (4); This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 10 15 20 25 30 35 40 45 50 55

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents