GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 19
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
19
(3) Xa izivuma njengezamkelekileyo izikhokelo ekuthethwe ngazo kwisiqendwana
(1)(b), iBhunga malicinge ngoku kulandelayo:
(a) nakuphi na okutshiwo nguMkomishinala Wezwelonke okuxelwe kwisiqendu
9(2);
(b) nakuphi na okufanelekileyo okutshiwo nanguwuphi na omnye umntu
onomdla ekukhuselweni kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(c) nantoni na enokuthi yenzeke kwiimali ezabiweyo ehlobene nokukhuselwa
kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(d) nantoni na enye into enokuthi iqhubele phambili injongo yalo Mthetho
okanye ichphazele ukwenziwa kwawo usebenze.
(4) Izikhokelo ekuthethwe ngazo kwisiqendwana (1)(b) maziquke izikhokelo
ezimalunga—
(a) ukubonwa nokulawulwa kweemeko ezinobungozi ezimalunga neziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo;
(b) ukusekwa nokulondolozwa kwenkqubo efanelekileyo, esebenzayo neselubala
yokwazi ukuba zeziphi iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zize
zibhengezwe njengezinjalo; kwaye
(c) iinkqubo
zokulungelelanisa
imisebenzi
yamasebe
kaRhulumente
neyamashishini azimeleyo ukuba loo misebenzi yenziwa ngenjongo
yokuqhubela phambili injongo yalo Mthetho.
(5) Ukongezelela kuwo nawuphi na umsebenzi oxelwe kwesi siqendu, iBhunga
linokuthi—
(a) licebise uMphathiswa ngokuhlolwa, ukubekw’ esweni nokuqwalaselwa
ngokutsha kokusetyenziswa komgaqo-nkqubo, kweendlela zokwenza,
kwemilinganiselo nemithetho emalunga nokukhuselwa kweziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo; kwaye linokuthi
(b) lenze izindululo eziya kuMphathiswa ngawo nawuphi na umsebenzi
kaMphathiswa oxelwe kwisiqendu 22 okanye kwisiqendu 23.
(6) IBhunga malithi, kabini ngonyaka, lingenise ingxelo kuMphathiswa malunga—
(a) nezinto ezenziwe liBhunga kwithuba elandulela ingxelo;
(b) neenkcukacha ezimalunga nenani lezibonenelelo ezibhengezwe njengeziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo, kuquka namagama ezo ziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo;
(c) neenkcukacha zaso nasiphi na isigqibo seBhunga zokungasipapashi
isihlokomiso esixelwe kwisiqendu 17(7)(b);
(d) neenkcukacha ezimalunga nemida esikelwe iziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo okanye ukurhoxiswa kwazo;
(e) ubungakanani bentsebenziswano phakathi kukarhulumente namashishini
azimeleyo; kunye
(f) nawuphi na omnye umbandela onokuthi uchaphazele ukukhuselwa
kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye ukusebenza kweBhunga.
5
10
15
20
25
30
35
40
Iintlanganiso zeBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
8. (1) IBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo malibe neentlanganiso
ubuncinane qho ngekota.
(2) UNobhala weNkonzo YamaPolisa makaqinisekise ukuba iBhunga Leziseko 45
Ezibalulukileyo linikwa iinkonzo zobunobhala.
(3) Usihlalo unokuthi nangaliphi na ixesha abize intlanganiso ekhethekileyo
yeBhunga, kwaye makayibize intlanganiso naxa kucele uMphathiswa ngembalelwano.
(4) Ukuba mathathu ubuncinane amalungu eBhunga acela intlanganiso ekhethekileyo
ngembalelwano, usihlalo makayibize intlanganiso zingekapheli iintsuku ezisixhenxe 50
esifumene isicelo.
(5) Amalungu asixhenxe eBhunga, emakubekho phakathi kwawo usihlalo okanye
usekela-sihlalo, aya kuba linani elifunekayo lokuba ingaqhubeka intlanganiso
yeBhunga.
(6) Izigqibo zeBhunga mazithatyathwe ngokwesininzi seevoti, kuze kuthi xa iivoti 55
zilingana macala, usihlalo abe nelungelo lokuvota ukongezelela kwilungelo lakhe
lokuthabath’ inxaxheba kwiingxoxo.
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents