GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 13
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
13
Ukusebenza kwalo Mthetho
3. (1) Lo Mthetho usebenza—
(a) ekuqondeni ukuba zeziphi iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zize
zibhengezwe njengezibalulekileyo;
(b) ekuqondweni kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo njengodederhu
lweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(c) nasekukhuselweni kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo,
kwaye unkqamangela nawuphi na umntu onikwe umsebenzi ngokwalo Mthetho.
(2) Lo Mthetho awusebenzi kwiziseko ezilawulwa liSebe Lokhuselo.
ISAHLUKO 2
5
10
IBHUNGA LEZISEKO EZIBALULEKILEYO EZINGUNDOQO NEZAKHIWO
ICandelo A
IBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
Ukusekwa kweBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo nendlela elakhiwe
ngayo
15
4. (1) Kusekwa iBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo.
(2) UMphathiswa umisela amalungu eBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
emalibe naba bantu balandelayo:
(a) uNobhala weNkonzo YamaPolisa;
(b) igosa ubuncinane elikwinqwanqwa loMlawuli oyiNtloko okanye
okwinqwanqwa elilingana nelo, elichongwe yintloko nganye yala maziko
alandelayo:
(i) iSebe Lokhuselo;
(ii) iSebe Lemicimbi Yasekhaya;
(iii) iSebe Lemisebenzi Karhulumente;
(iv) iZiko Lokulawulwa Kwentlekelele Lezwelonke;
(v) iSouth African Local Government Association;
(vi) iNkonzo YamaPolisa oMzantsi-Afrika;
(vii) neQumrhu Lokhuseleko LoMbuso; kwakunye
(c) namalungu amahlanu amiselwe ngokwesiqendwana (8) ethathwa
kumashishini azimeleyo naseluntwini—
(i) angekho kwimeko yokungafaneleki ngokwesiqendu 5; kwaye
(ii) ukuba kunokwenzeka abe nemfundo efanelekileyo, abe nolwazi namava
kwimiba equka ukukhuselwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo,
ukulawulwa kwemeko enobungozi, ukulawulwa kwentlekele okanye
iinkonzo ezisisiseko zoluntu emaziquke ubuncinane umntu omnye
onemfundo efanelekileyo kukhuseleko lweekhompyutha.
(3) Ukuba kunokwenzeka, amalungu eBhunga makube ngabantu abathi, xa bejongwa
bebonke, babe ngabantu abakufanelekelayo ukukhonza kwiBhunga ngenxa yemfundo
yabo, ubuchule babo namava abo kwimiba equka ukukhuselwa kweziseko, ubunjineli,
ukulawulwa kwentleke okanye umgaqo-nkqubo wokhuseleko.
(4) Xa—
(a) imisebenzi okanye ukusebenza kweziseko ekucelwa ukuba zibe ziziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo kuchatshazelwa yimisebenzi yesebe
likarhulumente okanye yecandelo likarhulumente ekungabhekiselwanga kulo
kwisiqendwana (2)(b), uSihlalo unokuthi acele iNtloko yelo sebe
likaRhulumente okanye intloko yelo candelo likarhulumente ukuba ichonge
igosa elinemfundo efanelekileyo ukuba lincedise kwesi sicelo; okanye
(b) iBhunga linoluvo lokuba omnye umntu unokuncedisa nakwintoni na okanye
ancedise kwisicelo esithile sokubhengezwa kweziseko njengeziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo, iBhunga lingacela uMphathiswa ukuba amisele
loo mntu okwelo xesha kusekho imfuneko ukuba acebise iBhunga okanye
alincedise.
(5) UMphathiswa makamisele—
(a) amagosa ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (2)(b) emva kokubonisana
nelungu leKhabhinethi eliphathiswe iziko elo;
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
20
25
30
35
40
45
50
55
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents