GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   19 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 19 (3) Xa izivuma njengezamkelekileyo izikhokelo ekuthethwe ngazo kwisiqendwana (1)(b), iBhunga malicinge ngoku kulandelayo: (a) nakuphi na okutshiwo nguMkomishinala Wezwelonke okuxelwe kwisiqendu 9(2); (b) nakuphi na okufanelekileyo okutshiwo nanguwuphi na omnye umntu onomdla ekukhuselweni kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (c) nantoni na enokuthi yenzeke kwiimali ezabiweyo ehlobene nokukhuselwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (d) nantoni na enye into enokuthi iqhubele phambili injongo yalo Mthetho okanye ichphazele ukwenziwa kwawo usebenze. (4) Izikhokelo ekuthethwe ngazo kwisiqendwana (1)(b) maziquke izikhokelo ezimalunga— (a) ukubonwa nokulawulwa kweemeko ezinobungozi ezimalunga neziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (b) ukusekwa nokulondolozwa kwenkqubo efanelekileyo, esebenzayo neselubala yokwazi ukuba zeziphi iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zize zibhengezwe njengezinjalo; kwaye (c) iinkqubo zokulungelelanisa imisebenzi yamasebe kaRhulumente neyamashishini azimeleyo ukuba loo misebenzi yenziwa ngenjongo yokuqhubela phambili injongo yalo Mthetho. (5) Ukongezelela kuwo nawuphi na umsebenzi oxelwe kwesi siqendu, iBhunga linokuthi— (a) licebise uMphathiswa ngokuhlolwa, ukubekw’ esweni nokuqwalaselwa ngokutsha kokusetyenziswa komgaqo-nkqubo, kweendlela zokwenza, kwemilinganiselo nemithetho emalunga nokukhuselwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; kwaye linokuthi (b) lenze izindululo eziya kuMphathiswa ngawo nawuphi na umsebenzi kaMphathiswa oxelwe kwisiqendu 22 okanye kwisiqendu 23. (6) IBhunga malithi, kabini ngonyaka, lingenise ingxelo kuMphathiswa malunga— (a) nezinto ezenziwe liBhunga kwithuba elandulela ingxelo; (b) neenkcukacha ezimalunga nenani lezibonenelelo ezibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, kuquka namagama ezo ziseko ezibalulekileyo ezingundoqo; (c) neenkcukacha zaso nasiphi na isigqibo seBhunga zokungasipapashi isihlokomiso esixelwe kwisiqendu 17(7)(b); (d) neenkcukacha ezimalunga nemida esikelwe iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye ukurhoxiswa kwazo; (e) ubungakanani bentsebenziswano phakathi kukarhulumente namashishini azimeleyo; kunye (f) nawuphi na omnye umbandela onokuthi uchaphazele ukukhuselwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye ukusebenza kweBhunga. 5 10 15 20 25 30 35 40 Iintlanganiso zeBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 8. (1) IBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo malibe neentlanganiso ubuncinane qho ngekota. (2) UNobhala weNkonzo YamaPolisa makaqinisekise ukuba iBhunga Leziseko 45 Ezibalulukileyo linikwa iinkonzo zobunobhala. (3) Usihlalo unokuthi nangaliphi na ixesha abize intlanganiso ekhethekileyo yeBhunga, kwaye makayibize intlanganiso naxa kucele uMphathiswa ngembalelwano. (4) Ukuba mathathu ubuncinane amalungu eBhunga acela intlanganiso ekhethekileyo ngembalelwano, usihlalo makayibize intlanganiso zingekapheli iintsuku ezisixhenxe 50 esifumene isicelo. (5) Amalungu asixhenxe eBhunga, emakubekho phakathi kwawo usihlalo okanye usekela-sihlalo, aya kuba linani elifunekayo lokuba ingaqhubeka intlanganiso yeBhunga. (6) Izigqibo zeBhunga mazithatyathwe ngokwesininzi seevoti, kuze kuthi xa iivoti 55 zilingana macala, usihlalo abe nelungelo lokuvota ukongezelela kwilungelo lakhe lokuthabath’ inxaxheba kwiingxoxo. This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents