GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 33
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
33
(b) zingekapheli iintsuku ezingama-30 esifumene isicelo, aziphonononge
ukungabi nabungozi iziseko ezo ukuze—
(i) aqinisekise ukuchana kwengcombolo ekwisicelo;
(ii) aphonononge ubungakanani bobungozi ezinokuba kubo ezo ziseko;
(iii) aqiniseke ukuba amanyathelo okhuseleko afunwa ngumntu ophetheyo
kwiziseko ayahambelana na namanyathelo afunekayo nemilinganiselo
yokukhuselwa kweziseko; kwaye
(iv) anike umntu ophetheyo kwezo ziseko ithuba lokutsho afuna ukukutsho
ngokubhala ngokuphononongwa kokhuseleko okuqhutywe ngokwesi
siqendwana; aze
(c) zingekapheli iintsuku ezingama-60 emva kokuba kuqhutyiwe ukuphononongwa kokhuseleko okanye emva kokuba zifunyenwe izimvo ezibhaliweyo
ezixelwe kwisiqendu (b)(iv), kuxhomekeke ekubeni yeyiphi eyenzeka
mgqibeli, athumele kwiBhunga ukuze liqwalasele—
(i) ingxelo yokuphononongwa kokhuseleko kunye nesicelo;
(ii) izimvo ezibhaliweo ezixelwe kwisiqendu (a)(ii); kwakunye
(iii) nezimvo ezibhaliweyo ngokwesiqendu (b)(iv).
(5) Xa umenzi-sicelo ebeke isizathu esivakalayo sokungalandelwa kwenkqubo
ekwisiqendwana (4)(a), uMkomishinala Wezwelonke makasibhekise isicelo
kwiBhunga onokuthi akuyeke ukupapasha ekuthethwe ngako kwisiqendwana (4)(a)
emva kokuba eqwalasele izinto ezikwisiqendwana (6).
(6) Ngokwenjongo yesiqendwana (4) no-(5), umenzi-sicelo makabonise ukuba
ukuphambuka kwinkqubo ekwisiqendwana (4)(a) kufanelekile kwiimeko ezikhoyo, xa
kucingelwa zonke izinto emazicingelwe, eziquka—
(a) iinjongo zokubhengezwa njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(b) uhlobo, injongo, nesiphumo esinokubakho sokubhengezwa njengeziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo;
(c) uhlobo nobungakanani bokuphambuka kwisiqendwana (4)(a);
(d) ubudlelane phakathi kokuphambuka nenjongo yako;
(e) ukubaluleka kwenjongo yokuphambuka;
(f) nemfuneko yokukhuthaza ulawulo olutyibilikayo nolawulo oluhle.
(7) Xa kunokwenzeka ukuba iBhunga ligqibe kwelokuba inkqubo exelwe
kwisiqendwana (4)(a)—
(a) mayilandelwe, iBhunga maliyalele uMkomishinala Wezwelonke ukuba
apapashe isihlokomiso esixelwe kwisiqendwana (4)(a) kunye nemiyalelo
ngengcombolo emayiqulathwe kwisihlokomiso, ekuya kuthi emva koko
uMkomishinala Wezwelonke asisingathe isicelo; okanye
(b) kuvumelekile ukuba kuphambukwe kuyo, iBhunga maliyalele
uMkomishinala Wezwelonke ukuba aphambuke koko kutshiwo sisiqendwana
(4)(a) aze aqhubeke ukusisingatha isicelo.
(8) UMkomishinala Wezwelonke unokuthi acele iNtloko yesebe likaRhulumente
eliyinkonzo yokhuseleko esekwe ngokwesiqendu 199 soMgaqo-siseko, ukuba achonge
ilungu elifanelekileyo laloo nkonzo yokhuseleko ukuba lincedise ekuphononongeni
ukhuseleko okuxelwe kwisiqendwana (4)(b), xa kufuneka enze njalo.
(9) Ukuba iziseko ezifanelekela eso sicelo zizakhiwo eziliqela, okanye ziinkonzo,
umntu ophetheyo kwezo ziseko makenze isicelo sokuba zonke ezo ziseko zibhengezwe
njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo.
(10) Xa uMkomishinala Wezwelonke engakwazi ukuba enze ngokwemida
yamaxesha exelwe kwisiqendwana (4), uMkomishinala Wezwelonke makathi,
ngokubhala, enze isicelo asibhekise kwiBhunga ngendlela emiselweyo sokuba olulelwe
ixesha lingagqithi kwiintsuku ezingama-30 okanye ecele elinye ixesha elinokuthi
ligqitywe liBhunga.
(11) Xa kuvunyiwe ukolulwa kwexesha njengoko kuxewe kwisiqendwana (10),
iBhunga malimazise umenzi-sicelo ekuthethwe ngaye kwisiqendwana (1), limazisa
ngokolulwa kwexesha, ngokumbhalela.
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
5
10
15
20
25
30
35
40
45
50
55
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents