GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   29 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 29 (c) akumohluthi uMkomishinala Wezwelonke imbopheleleko anayo ngokusetyenziswa kwelo gunya aliphathisileyo. (7) UMkomishinala Wezwelonke unokuthi avumelane nesigqibo esenziweyo lipolisa ngokuphathiswa okanye ngokuphathiswa ngophathisiweyo ngokwesi siqendu, okanye unokuthi enze utshintsho kweso sigqibo okanye asirhoxise kwaphela, kodwa ke akufuneki aphazanyiswe amalungelo afunyenwe ngumntu ngenxa yeso sigqibo. 5 Ukwenz’ ingxelo koMphathiswa 15. Qho kabini ngonyaka, uMphathiswa makathi thaca ePalamente ingxelo ngezinto ezenziwe liBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, ubume bengxelo bufane 10 kanobom nobume bengxelo ekwisiqendu 7(6). ISAHLUKO 3 UKUBHENGEZWA KWEZISEKO NJENGEZISEKO EZIBALULEKILEYO EZINGUNDOQO NOKWENZIWA KWESIGQIBO NGODEDERHU LWEZISEKO EZIBALULEKILEYO EZINGUNDOQO Iimfuneko zokubhengezwa kweziseko njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo 16. (1) Iziseko ziyafaneleka ukuba zibhengezwe njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo, ukuba— (a) ukusebenza kwezo ziseko kuyimfuneko ukuze kuncedakale uqoqosho, ukhuseleko lwelizwe, ukhuseleko loluntu nokunikezelwa kweenkonzo ezisisiseko okuqhubekayo; kube (b) ukulahlekelwa zezo ziseko, ukonakala kwazo, ukuphazanyiswa kwazo kungabeka emngciphekweni omkhulu— (i) ukusebenza okanye ukuzinza kweRiphablikhi; (ii) uluntu ngokubhekiselele kukhuseleko nokulondolozwa kokugcinwa komthetho nocwangco; kunye (iii) nokhuseleko lwelizwe. (2) Ekwenzeni isigqibo mayela nokuba iimfuneko zokufaneleka ezixelwe kwisiqendwana (1) kuyahlangatyezwana nazo, makusetyenziswe enye okanye ezingaphezu kwenye kwezi mfuneko zilandelayo: (a) iziseko ezo mazibe zezibaluleke kakhulu kuqoqosho, kuluntu, nasekucwangciseni; (b) ukukwazi kweRiphablikhi ukusebenza, ukukwazi kwayo ukunikezela iinkonzo ezisisiseko okanye ukukwazi kwayo ukulondoloza ukugcinwa komthetho nocwangco kungachaphazeleka ukuba inkonzo efezwa ziziseko iyaphazanyiswa, okanye ukuba iziseko ziyatshatyalaliswa, okanye zenziwe zoyisakele; (c) ukuphazanyiswa kwenkonzo eyenziwa ziziseko, okanye ukutshatyalaliswa kweziseko, ukuphazanyiswa kwazo, ukuthotywa komgangatho wazo, okanye ukoyisakala kwazo kuya kuba nesiphumo esibi kokusingqongileyo, kwimpilo okanye kukhuseleko loluntu, okanye icandelo loluntu, okanye kwezinye iziseko ezingachaphazela kakubi ukusebenza kwezi ziseko kuthethwa ngazo; (d) kukho izizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba ukubhengezwa njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo akuyi kuba nesiphumo esibi kakhulu kuluntu; (e) ukubhengezwa njengeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kungenxa yokunyanzeleka ngokomthetho wamazwe ngamazwe onkqamangelayo okanye ngesivumelwano samazwe ngamazwe; (f) naziphi na ezinye iimfuneko ezinokuthi ziman’ ukuxelwa nguMphathiswa ngesihlokomiso kuShicilelo-Mithetho, emva kokubonisana neBhunga Leziseko ezibalulekileyo ezingundoqo. This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 15 20 25 30 35 40 45 50

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents