GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019 No. 42866   27 Ino 8 ka 2019 nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019 27 (4) UMkomishinala Wezwelonke makachonge ipolisa elililungu lekomiti okanye iqela elisebenzayo, libe ngusihlalo walo. (5) Ikomiti iphantsi kwegunya loMkomishinala Wezwelonke. (6) Icebiso elixelwe okanye uncedo oluxelwe kwisiqendwana (1) alimnkqamangeli uMkomishinala Wezwelonke, lingamkhululi kananjalo kwimbopheleleko anayo 5 ngokwalo Mthetho. (7) Umntu akafaneleki ukuba amiselwe abe lilungu okanye aqhubeke ekhonza njengelungu lekomiti, ukuba— (a) ukhe, kule minyaka ingama-20 edlulileyo, wagwetywa apha kwiRiphablikhi okanye kwelinye ilizwe, wagwetywa intolongo akakhethiswa fayini; 10 (b) akanaso isiqinisekiso esimkhululayo ukuba aphathiswe iimfihlo ezinkulu, isiqinisekiso asinikwe liQumrhu Lokhuseleko LoMbuso; (c) ungumntu ovakaliswe yinkundla enamatyala angaphezu kwemali anayo; (d) akanguye ummi waseMzantsi-Afrika; okanye (e) ngokutsho komnye umthetho, akafaneleki ukuba amiselwe. 15 Ukungasebenzi kwemiqathango kubantu abathile 13. (1) Imiqathango yokungena exelwe kwisiqendu 25(2) ayisebenzi kumntu okwiinkonzo zokhuseleko ezasungulwa ngokwesiqendu 199 soMgaqo-siseko, ekufuneka ukuba angene kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ekwenzeni kwakhe imisebenzi yakhe. 20 (2) Isiqendu 25(2) masingathathwa njengesiwasikel’ umda amagunya okungena afumaneka emthethweni enikwa igosa eliqeshwe licandelo likarhulumente. (3) Ilungu okanye igosa ekuthethwe ngalo kwisiqendwana (1) okanye (2) malivelise ubungqina bokumiselwa kwalo nobokuba lingubani ngendlela eyanelisa umntu ophetheyo kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo okanye eyanelisa imaneja 25 yokhuseleko eqeshiweyo. Ukuwaphathisa amagunya 14. (1) Ngokukhuph’ isihlokomiso kuShicilelo-Mithetho, uMphathiswa unokuwaphathisa uMkomishinala Wezwelonke amanye amagunya akhe anawo ngokwalo Mthetho, ngaphandle— (a) kwegunya uMphathiswa alithiwe jize sisiqendu 11, 22, 23 nesama-27; kwakunye (b) nomsebenzi othiwe zinzi emagxeni oMphathiswa sisiqendu 4, 14(2), 15 nese-20. (2) UMphathiswa makaman’ ukukuqwalasela ngokutsha ukuphathisa akwenzileyo ngokwesiqendwana (1) aze, ukuba kuyimfuneko, enze utshintsho okanye akurhoxise. (3) Ukuphathiswa koMkomishinala Wezwelonke okwenziwe ngokwesiqendwana (1)— (a) kuxhomekeke kwimida nemiqathango enokuthi ibekwe nguMphathiswa; (b) kusengagunyaza uMkomishinala Wezwelonke ukuba naye aphathise ongezantsi kwakhe, ngokubhala, ephathisa elinye ipolisa elikwinqanaba elingekho ngaphantsi kwenqwanqwa 13, eliphathisa igunya okanye umsebenzi; (c) akumthinteli uMphathiswa ukuba alisebenzise ngokwakhe elo gunya okanye awenze ngokwakhe loo msebenzi; kwaye (d) akumohluthi uMphathiswa imbopheleleko anayo ngokusetyenziswa kwelo gunya aliphathisileyo. (4) UMphathiswa unokuthi avumelane nesigqibo esenziweyo lipolisa ngokuphathiswa okanye ngokuphathiswa ngophathisiweyo ngokwesi siqendu, okanye unokuthi enze utshintsho kweso sigqibo okanye asirhoxise kwaphela, kodwa ke akufuneki aphazanyiswe amalungelo afunyenwe ngumntu ngenxa yeso sigqibo. (5) UMkomishinala Wezwelonke unokuthi, ngokubhala, aphathise nawuphi na umsebenzi othiwe zinzi emagxeni akhe ngulo Mthetho ewuphathisa ipolisa elikwinqanaba elingekho ngaphantsi kwenqwanqwa 13. (6) Ukuphathisa okwenziwe ngokwesiqendwana (5)— (a) kuxhomekeke kwimida nemiqathango enokuthi ibekwe nguMkomishinala Wezwelonke; (b) akumthinteli uMkomishinala Wezwelonke ukuba alisebenzise ngokwakhe elo gunya okanye awenze ngokwakhe loo msebenzi; kwaye This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za 30 35 40 45 50 55

Select target paragraph3

Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents