GOVERNMENT GAZETTE, 28 NOVEMBER 2019
No. 42866 11
Ino 8 ka 2019
nguMthetho Wokukhuselwa Kweziseko Ezibalulekileyo Ezingundoqo, ka-2019
11
‘‘imaneja yokhuseleko’’ ngumntu oqeshwe ngokwesiqendu 24(7);
‘‘amanyathelo okhuseleko’’, ngokulawulwa sisiqendu 26(2), lilo naliphi na
inyathelo lokhuseleko lokulondoloza ukufumaneka kweziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo okanye lokulondoloza ukuba yimfihlo kweziseko ezibalulekileyo
5
ezingundoqo, kwaye aquka amanyathelo okhuseleko okukhusela—
(a) inxalenye yeziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(b) nasiphi na isakhiwo esibonakalayo esiyinxalenye yeziseko zengcombolo;
okanye
(c) abasebenzi okanye abanye abantu abakwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo
10
okanye abakufuphi nazo;
‘‘abasebenzi bokhuseleko’’ nguye nawuphi na umntu obhaliswe njengegosa
lokhuseleko ngokwesiqendu 21 sePrivate Security Industry Regulation Act 56
ka-2001;
‘‘umniki-nkonzo yokhuseleko’’ ngumniki-nkonzo yokhuseleko ngendlela
achazwe ngayo kwisiqendu 1 sePrivate Security Industry Regulation Act 56 15
ka-2001;
elithi ‘‘lo Mthetho’’ liquka imimiselo; kwaye
‘‘isenzo esinobungozi’’ kungaba sisenzo esilulwaphulo-mthetho, sobugrogrisi,
okanye esenzeke ngengozi, okanye ukungenziwa kwesenzo ebesimele senziwe
ukuthintela ulwaphulo-mthetho, ubugrogrisi okanye ukwenzeka kwento ngengozi, 20
okunokuthi kubangele umonakalo okanye ukulahlekelwa ziziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo okanye kubangele ukungakwazi ukunika iinkonzo ezisisiseko
zoluntu, kwaye lisengaquka intlekele yendalo enokubangela ukuba sisisulu
kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo.
Injongo yalo Mthetho
2. Injongo yalo Mthetho—
(a) kukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kwizenzo ezinobungozi;
(b) kukwenza unakonako wokuba ingcombolo emalunga namanyathelo
okhuseleko asebenza kwiziseko ezibalulekileyo ezingundoqo ihlale iyimfihlo,
kodwa ke ngokulawulwa yiPromotion of Access to Information Act 2 ka-2000
okanye nawuphi na omnye uMthetho wePalamente othetha
ngokudandalaziswa okusemthethweni kwengcombolo;
(c) kukwenza unakonako wokuba kuthiwe gqi neemfuneko ezifanelekileyo
zokwazi ukuba zeziphi iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo zize
zibhengezwe njengezibalulekileyo kwaye zikhuselwe;
(d) kukwenza unakonako wokuba kubekho intsebenziswano phakathi
kukarhulumente namashishini azimeleyo ekwazini ukuba zeziphi iziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo zize zikhuselwe;
(e) kukukhusela iziseko ezibalulekileyo ezingundoqo kwiRiphablikhi ngokudala
imekobume ekukhuthazwa kuyo ukhuseleko loluntu, intembelo yoluntu
neenkonzo zoluntu ezisisiseko—
(i) ngokuwenza asebenze amanyathelo anjongo yawo ikukukhusela iziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo;
(ii) ngokunciphisa ubungozi obunokwehlela iziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo ngokubona apho ubuthathaka bukhoyo nangokusebenzisa
amanyathelo afanelekileyo;
(f) kukukhuthaza intsebenziswano nokuthwalisana imbopheleleko phakathi
kwabathabathi-nxaxheba abahlukahlukeneyo ukuze kubekho iindlela
ngeendlela zokukhuselwa kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo;
(g) kukuphucula ukukwazi kwabathabathi-nxaxheba ukukhusela iziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo kwizinto ezinokuba nobungozi;
(h) kukwenza unakonako wokuba isiseko ngasinye esibalulekileyo sihambisane
namanyathelo anjongo yawo ikukukhusela iziseko ezibalulekileyo
ezingundoqo kwizenzo ezinobungozi;
(i) kukuxela amagunya nemisebenzi yabantu abaphetheyo kwiziseko
ezibalulekileyo ezingundoqo;
(j) kukuxhasa ukuyondelelaniswa nokunxibelelaniswa kwemisebenzi yabathabathi-nxaxheba abahlukahlukeneyo ababandakanyekileyo ekukhuselweni
kweziseko ezibalulekileyo ezingundoqo.
This gazette is also available free online at www.gpwonline.co.za
25
30
35
40
45
50
55
Select target paragraph3
Connect to a paragraph
Connect to an entity
Disable highlights
Add to table of contents